Class 8 Xhosa Story Book

You might also like

Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 198

Ihlathi leenyoka

Xolisa Guzula
Rob Owen

isiXhosa
Ilali iSinyaire ijikelezwe ziinduli
neentaba.

Kuhlala iinyoka ezininzi kwihlathi


elikwezi ntaba.

Eyona nyoka inkulu yayibizwa


ngokuba yi-Unyalego ngabantu belali.

Le nyoka yayisoyikisa abantu abaninzi


kuba yayiginya ibimbilize iibhokhwe
kunye neegusha ezipheleleyo.

1
Ngenye imini uApiyo, u-Ajoh kunye
noAtieno babesiya ehlathini
beyokutheza.

Umakhulu wala mantombazana


wayewalumkisile wathi, "Nilumkele u-
Unyalego inyoka enkulu. Ningathathi
nenye into ehlathini ngaphandle
kweenkuni."

U-Ajoh akazange ayihoye nokuyihoya


into awayeyixelelwa ngumakhulu
wakhe.

2
Amantombazana apakisha umphako
wobisi, iibhanana, ibhatata kunye
namanzi.

Athatha neentambo zokubopha


inyanda kunye nezembe lokugawula
iinkuni. Ahamba ke aphathelela ukuya
ehlathini.

3
Endleleni amantombazana ayehamba
ezincokolela nje futhi ehleka,
kumnandi.

U-Apiyo owayemdala kubo bonke


wavakala esithi, "Thulani. Sele
sisondele apho kuhlala khona u-
Unyalego."

4
U-Atieno wathi, "Yehake, khanijonje
nanga amazinyo ka-Unyalego
abugolide, masiwathatheni."

U-Apiyo wabakhumbuza, "Ningalibali


imiyalelo kamakhulu. Akufanelanga
ukuba sithathe nantoni na apha
ehlathini ngaphandle kweenkuni."

5
U-Ajoh wathi, "Andiyikholelwa mna
into ethethwa ngumakhulu. Ndicinga
ukuba ubesitsho nje kuba engafuni
ukuba sizithathele izinto
esizithandayo. Unomona umakhulu.
Ndiza kuwathatha mna la mazinyo
egolide."

Oodadewabo bakhathazeka kakhulu


ngale nto. "Ajoh, uze ungathi khange
sikuxelele."

U-Ajoh akazange abahoye.

6
Kwathi kusenjalo kwathi gqi u-
Unyalego ezokukhangela amazinyo
akhe.

Wacaphuka kakhulu akungawaboni.

U-Unyalego weva amantombazana


encokola futhi ehleka.

Wazimela phantsi kwelitye elikhulu


elalikufutshane nendlela
amantombazana ayeza kudlula kuyo.

7
Amantombazana ayethwele iinyanda
entloko.

Eva ngomsindo wenyoka efuthayo,


"Fu-u-u-u-u-u-u-u-u!" Oothuka azama
ukuzimela.

Nankuya u-Unyalego phambi kwabo


evule umlomo wakhe elindele
ukuluma.

8
U-Unyalego wawabuza
amantombazana wathi, "Ngubani
othathe amazinyo am egolide?"
Akuzange kubekho mntu
uphendulayo.

Inyoka yathi ndiza kumfumana umntu


owabileyo.

"Lo ongenatyala uza kucula kakuhle


angayenzi impazamo kodwa lowo
onetyala yena uza kuthi xa ecula
kwenzeke impazamo. Uza kuba
kukutya kwam kweentsuku ezintathu
ezizayo!"

9
U-Apiyo waqala wacula kakuhle
akabinangxaki.

Kwalandela u-Atieno, naye wacula


kakuhle.

10
Ekugqibeleni kwacula u-Ajoh.
Wayenexhala kakhulu. Wathi xa eqala
ukucula ilizwi latshothoza namazwi
engoma akavakala kakuhle.

Wakhwaza u-Unyalego wathi,


"Awukwazi ukucula kakuhle
njengabanye?"

Inyoka yabona ukuba nguye Kanye u-


Ajoh owayethathe amazinyo egolide.

11
Bimbilili! U-Unyalego wamginya u-
Ajoh. Oodadewabo babaleka
bagoduka bayokuxela esi senzo sibi
kangaka esenzekileyo.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

Ihlathi leenyoka
Author - Joseph Sanchez Nadimo
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Rob Owen
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - Longer paragraphs
© African Storybook Initiative, 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
IKumkani
uKayanja
nentwazana
yakhe
Xolisa Guzula
Natalie Propa

isiXhosa
Kudala-dala kwaye kukho ikumkani egama
layo linguKayanja. Yayihlala ebhotwe kunye
nekumkanikazi nentombi yabo, unkosazana,
Apenyo.

UApenyo wayeyinkosazana entle,


kangangokuba onke amadoda ayefuna
ukumtshata. Kodwa ukumkani uKayanja
wayefuna ilobola exabisa kakhulu ngentombi
yakhe.

1
Kufutshane nebhotwe lekumkani uKayanja
kwakuhlala inkosi eyayisaziwa ngokuba ngu-
Aludah Omkhulu.

Kwakusithiwa, 'Omkhulu' ngoba bonke


abantu belali babemhlonipha.
Wayendlongondlongo kakhulu kubantu
ababengamhloneli.

Inkosikazi yeNkosi uAludah yayisandula


kubhubha sisifo semalariya, ngoko uAludah
wayefuna ukuthatha enye inkosikazi.

2
Ngoko inkosi endala etyebileyo yaya
kukumkani uKayanja iyokunikezela
ngelobola yayo enkulu kuze itshate
inkosazana encinane.

Athi xa amadoda amakhulu exovula umba


welobola kwathi kanti uyaweva uKakembo,
owayengumsebenzi ebhotwe. Umsebenzi
uKakembo wayehlobene kakhulu
nenkosazana uApenyo.

3
Inkosi yavuma ukunika ihafu yobutyebi bayo
kukumkani uKayanja, obuquka inaliti
eyayiyinxalenye yelobola.

Kwenziwa amalungiselelo abucala omtshato


phakathi kwenkosi uAludah kunye
nenkosazana uApenyo. Ikumkani yayisazi
ukuba intombi yayo ayisokuze isithande esi
sigqibo.

4
Kuthe sele kusele iveki enye kuphela phambi
kokuba ifike imini yomtshato, uKakembo
waya kuthetha noApenyo, wathi,

"Nkosazana yami ethandekayo, utata wakho


ucwangcisa umtshato wakho nenkosi
uAludah, kwaye uza kwenzeka kwiveki
ezayo."

5
Inkosazana uApenyo yothuka kakhulu ingazi
ukuba iza kwenza njani. Wacinga, wacinga,
wacinga uApanyo, waze wathi, "Andisokuze
mna nditshate nenkosi uAludah, ixhego elibi
elityebileyo.

Unotshe! Mandiye kuTrevor ndibone ukuba


angenza ntoni, lisekhona ixesha."

UTrevor wayelisoka likankosazana uApenyo.

6
Ngobo busuku uApenyo wanyonyoba
waphuma ebhotwe. Ukuba utata wake
wayenokwazi ukuba uyaphi wayeza
kucaphuka kakhulu.

Wabaleka wadlula ehlathini elimyama thsu,


elishinyeneyo. Watsiba amatye nezihlahla de
wayokufika kuTrevor wakhe. Wafika
kwaTrevor ediniwe, elambile, futhi enxaniwe.

7
"Sithandwa sam, kungani ukuba ubaleke
umgama ongaka wedwa ezinzulwini
zobusuku?" kwabuza uTrevor.

Wamphathela amanzi okusela waze


wamnika ithuba lokuphumla.
UTrevor wayengasakwazi ukulinda ngelixa
uApenyo asaziphumzayo.

8
"Nkosazana yam endiyithandayo, ingaba
yintoni ingxaki?" wabuza uTrevor.

UApenyo waphefumlela phezulu kalusizi


waze wathi, "Utata ufuna ukunditshatisa
nenkosi uAludah, omkhulu. Kodwa andisoze
nditshate indoda ekhohlakele ngolwahlobo.
Trevor, ndifuna ukutshata nawe nokuba
awunanto. Ndikulungele ukuhlupheka.
Ndiyakuthanda."

9
"Kodwa nkosazana. Andinanto
endinokukulobola ngayo, uyazi nawe ukuba
ndiyindoda ehluphekayo," watsho uTrevor.

UApenyo waphendula wathi, "Ndiyazi Trevor,


kodwa ndifuna ukutshata wena kuphela."

Wacinga ixeshana uApenyo waze wathi,


"Masiye kuKategga indoda yesikhephe
asiwelise siye ngaphesheya komlambo.
Ngale ndlela, singesaba, utata angaze
aphinde asifumane."

10
Emva ebhotwe, ikumkani uKayanja yayisele
ibonile ukuba inkosazana uApenyo
yayinyamalele. Wathumela abantu bakhe
ukuba bayifune kuyo yonke indawo elalini.

Amaphakathi eKumkani, amajoni kunye naye


wonke umntu bacinga ngendawo
awayenokuba uzifihle kuyo, kodwa abazange
bamfumane uApenyo.

Babuyela emva beyokuxelela ikumkani


ukuba akafumaneki ndawo uApenyo.
"Hambani niyokumfuna ehlathini,"
wabhavumla ukumkani uKayanja.
Wayenomsindo ngeyona ndlela.

11
Ngelixa inkosazana uApenyo noTrevor
bebaleka ukuya emlanjeni, kwaqalisa
ukusibekela aze amafu amnyama asigquma
isibhakabhaka. Kwakusiza isaqhwithi
esikhulukazi.

12
UKategga umqhubi wesikhephe
wayesabophelela isikhephe sakhe ngelixa
aba bathandanayo befika kuye. UTrevor
wacela uKategga ukuba abakhwelise
kwisikhephe sakhe abawelise umlambo.

UKategga akazange avume, wabachazela


ukuba isaqhwithi sele sikufutshane, ngoko
kwakuza kuba yingozi kakhulu ukuzama
ukuwela.

13
UTrevor waqhubekeka wachazela uKategga
isizathu sokufuna kwabo ukuwela umlambo.
Wasuka wafaka isandla sakhe epokothweni
wakhupha imali wayinika uKategga.

Wathi akuyiva imeko yabo uKategga, ebona


nemali ebengezelayo, wavelana nabo.
Wavuma ukubawelisa umlambo nangona
izulu lalizongoma.

14
UKategga watsalela isikhephe sakhe
ngasenyeleni yomlambo waze wabaxelela
ukuba bangene. Waqalisa ukubhexa.

Bathe xa ukumkani uKanyanja nenkosi


uAludah befika enyeleni yomlambo,
bababona aba bathathu esikhepheni.
Babona ukuba izithandani zesabile.

15
Umoya omkhulu owawuvuthuza wasisa
ngapha nangapha isikhephe waze uKategga
wasokola ukusilawula. IKumkani uKayanja
yakwaza: "Apenyo, ndicela ubuye!
Ndikuxolele, kwaye andisokuze ndinohlwaye
wena noTrevor."

Kodwa kwakusele kusemva kwesithonga.


Isikhephe saphequka baze abantu
ababekuso baphoseka emanzini.

Bobathathu barhaxwa ngamanzi.


Ukususela loo mini yentlekele, wonke umntu
kwisizwe sikaKumkani uKayanja wakhululeka
ukuba atshate naye nabani na amfunayo,
nokuba usisityebi okanye ulihlwempu na.

16
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

IKumkani uKayanja nentwazana yakhe


Author - Amana Yunus
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Natalie Propa
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - Read Aloud
© African Storybook Initiative, 2014
Creative Commons: Attribution 3.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
Imini kaHamisi
yamathamsanqa
Xolisa Guzula
Rob Owen

isiXhosa
UHamisi udinga
iyunifomu entsha
yesikolo.

Utata wakhe umsa


ezivenkileni.

1
UHamisi ubona
inkwenkwe enxibe
ihempe entle.

"Yaze yantle ke la
hempe," wacinga
njalo uHamisi.

2
"Nam ndirhalela
ukuba nehempe
efana naleya yala
nkwenkwe,"
watsho uHamisi.

3
"Jonga, uthengisa
ezi hempe
zikhethekileyo,"
watsho uHamisi.

"Tata, ndicela
undithengele
yona."

4
"Hamisi, kufuneka
ndikuthengele
iyunifomu," watsho
utata wakhe.

5
"Andinayo imali
eyanele
yokuthenga loo
hempe," watsho
utata.

6
Utata kaHamisi
uhlawulela
iyunifomu.

Uyothuka xa ebona
kubuya itshintshi.
Kusele imali
eyanele ukuba
athenge nehempe!

7
Le yimini kaHamisi
yethamsanqa!

Inokuba uza
kukhetha eyiphi
ihempe?

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

Imini kaHamisi yamathamsanqa


Author - Adelheid Marie Bwire
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Rob Owen
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - First sentences
© African Storybook Initiative and Molteno Institute, 2014
Creative Commons: Attribution 3.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
Ngenye imva
kwemini
eshushu
yangoMgqibelo
Ntombizodwa
Gxowa-Dlayedwa
Wiehan de Jager

isiXhosa
Yayiyeyona mvakwemini eshushu
kakhulu ngoMgqibelo kuDisemba.
Wonke umntu wayequmbile.

“Bontle noMpho noLerato phumani


phandle niyokudlala!” Umama watsho
kuthi. “Andinifuni endleleni yam.”

Sabaleka saphuma endlwini.


“Masiyeni emlanjeni,” watsho uLerato.
“Kupholile phaya.” “Kodwa utata
wasixelela ukuba singaqubhi
emlanjeni,” watsho uBontle.

1
“Asiz’ukuqubha”, waphendula uLerato.
“Siza kudlala nje emthunzini ecaleni
kwamanzi.”
Kodwa ukudlala ‘ulibeke’ ngumsebenzi
obilisayo, nokuba uphantsi kwemithi
ecaleni komlambo.

2
Okokuqala sakhulula izihlangu zethu.

Kodwa sasiseshushu. Saza sakhulula


iziketi neeblawuzi.
Kodwa sasiseshushu.

3
Safaka iinyawo zethu emlanjeni
ukuzipholisa. Saza satshizana,
ngokukhawuleza saba manzi tixi
ngamanzi.

4
“O-o! yizani! Masiqubheni,” watsho
uMpho. “Utata akasoze ayazi.”
Saqubha, saqubha, salibala ngexesha.

5
Ilanga laqalisa ukuya ezantsi, saziva
sigodola.

Zaziphi iimpahla zethu?

6
Sakhangela phantsi kwemithi.
Sakhangela emahlahleni. Sakhangela
kwindawo yonke.

7
Kwakukho iimazi zeenkomo
kufutshane nomlambo, zonwabele
ingca enambithekayo.

UBontle wajonga phezulu, “Jonga


kulaa mazi yenkomo! Yintoni
esemlonyeni yayo?” ”Itya
intyantyambo ebomvu,” wakhwaza
uMpho.

8
“Yiblawuzi yakho!” Saza sajonga
kwenye imazi yenkomo. Ihlafuna into
eblowu. “Sisiketi sam!” watsho uBontle.

Saya ekhaya ngeepenti zethu,


siqhaqhazela.

9
Kodwa ingasukuba kwakupholile.
“Yayiziimazi zenkomo,” Sakhala.
“Iimazi zenkomo zitye impahla zethu.”

Kodwa umama ngaba wasikholelwa?

Ngokukhawuleza imizimba yethu yaba


shushu kakhulu. Kwaye obo bushushu
babungaveli elangeni.

10
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

Ngenye imva kwemini eshushu yangoMgqibelo


Author - Nombulelo Thabane and Tessa Welch
Translation - Ntombizodwa Gxowa-Dlayedwa
Illustr
Illustration
ation - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - Longer paragraphs
© African Storybook Initiative, 2014 , 2014
Creative Commons: Attribution 3.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
Ukukhangela
umoya
weNtwasahlobo
Xolisa Guzula
Selina Masego
Morulane

isiXhosa
Ubusika obuqhaqhazelisa amazinyo
babusele budlulile.

Kwakusele kuza kungena iNtwasahlobo


elalalini kaKhwezi.

Kungekudala abahlali babesele belungiselela


ukubhiyozela ixesha lokuthwasa konyaka,
iNtwasahlobo. UKhwezi wayelulangazelela
ngaphezulu kwezinye iintsuku olu suku
lokubhiyozelwa kokuthwasa kwehlobo.

1
Ngenye imini wathi uKhwezi ezihlelele nje,
weva abantu abadala ababini bexoxa ngalo
mbhiyozo.

"Abantu balapha eNdlovu abasenawo umdla


nomoya wokubhiyozela ukuthwasa
kwehlobo," watsho omnye waba.

"Singakubhiyozela njani ukuthwasa


kwehlobo njengokuba abantu sele balibalayo
ngalo mbhiyozo?" Wabuza omnye.

2
Kwamkhathaza kakhulu ukuva le nto
uKhwezi.

"Liza kuphinde libe shushu njani ilanga xa


singalivusi ebuthongweni basebusika?"
wazibuza.

Wahlala wacinga ixesha elide.

"Kufuneka ndifumanise ukuba yintoni kanye


kanye esingasayaziyo," wathatha esi sigqibo.

"Kufuneka ndihambe ndiyokufuna izinto


ezingabuyisa umdla nomoya wokubhiyozela
eli xesha lonyaka."

3
Abantu abadala bamsikelela kuhambo
awayeza kuluthatha. Bamnika isingxobo
awayeza kufaka kuso izinto awayeza
kuzifumana eluhambeni.

UKhwezi wayesoyika kodwa ekwakholelwa


ekubeni uhambo lwakhe luza kuba
yimpumelelo.

4
UKhwezi wahamba imini yonke.
Wayesenyuka aphinde ehle emimangweni.
Wawela umlambo omkhulu wenyuka
nasemaweni. Wahamba njalo edlula
amathafa waze wayokufika phantsi
kweentaba ezibomvu.

5
Ngokuhlwa, uKhwezi wafika elalini
eyayinezindlu ezipeyintwe ngeephatheni
ezimibalabala awayengazange ayibone
ngaphambili. Waxelela abantu abadala
bakule lali ngohambo lwakhe nezicwangciso
zakhe zokubuyisela ukubhiyozelwa
kwentwasahlobo.

Umama wesi sizwe afikele kuso wapha


uKhwezi isipho. Wathi kuye, "Sikupha le
peyinti ngothando olukhulu, yeyona eza
kubuyisa umbala elalini yakho esele
ikhangeleka imthuqwasi ngebala."

UKhwezi wabulela kakhulu kubantu abadala


waze wafaka ipeyinti esingxotyeni sakhe.
Ekuseni ngemini elandelayo, waqhubeka
nohambo lwakhe. Wayonwabe kakhulu
sisipho sakhe sombala.

6
UKhwezi wahamba imini yonke ethubeleza
phakathi kwemithi emikhulu yasehlathini.
Kuthe xa kuqalisa ukuhlwa, apho
wayengasaboni kakuhle weva isandi segubu
elikhalayo. Waxhabashela apho lalikhala
ngakhona igubu eziva elangazelela
ukuxhentsa nangona iinyawo zakhe
zazidiniwe nje.

7
UKhwezi wabona sele efikile elalini
yakwaBhubesi. Wafika abantu behleli
berhangqe umlilo bebetha amagubu becula
nokucula. Wayengazange awuve umculo
omnandi ngolwa hlobo.

Wafika wabachazela ngehambo yakhe


abantu abadala bale lali. Wabaxelela
ngohambo lwakhe olunjongo zikukubuyisa
ukubhiyozelwa kwentwasahlobo kwilali
yakokwabo. Abantu bakwaBhubesi bamcela
ukuba alale ngobo busuku ukuze aphumle.

8
Ekuseni inkosi yabiza uKhwezi.

"Mntwan’am' yatsho inkosi, "Nali igubu


elingafaniyo namanye. Lidlala ingoma
entsha ngalo lonke ixesha uqalisa
ukulidlala."

UKhwezi wabulela kakhulu. Wathatha igubu


walifaka esingxotyeni sakhe.

Waqhubeka nohambo lwakhe esivuyela


kakhulu isipho sakhe sokudlala iingoma
ezinesingqisho eziza kwenza ukuba abantu
bavakalelwe baxhentse.

9
Ngosuku lwesithathu lohambo lwakhe wathi
uKhwezi xa egqitha kumadlelo eenkomo
ezityebileyo zale lali, waqala warhogola
ivumba elithile. Yayilivumba lenyama. Wathi
akuva eli vumba wavuza izinkcwe. Wahamba
walandela umkhondo oya kwicala apho
laliphuma ngakhona ivumba elimnandi de
wayokufika. Wafika abantu belali bemile
bejikeleze iimbiza ezazipheke unqweme.

Esi sizwe sasidume kakhulu ngokupheka


kwaye uKhwezi wayengazange akungcamle
okunjalo ukuba mnandi ukutya ngaphambili.
Emveni kokuba etyile, waqala wachazela
abantu ngohambo lwakhe. Wabaxelela
ngeenjongo zakhe zokubuyisela umbhiyozo
wentwansahlobo kubantu belali yakhe.

10
Ngentseni elandelayo, iqela labapheki
lamnika iziqholo zokutya ezazingaziwa mntu.

"Ntwazana," batsho abapheki, "Xa


usebenzisa ezi ziqholo zokutya, abantu
abaza kutya ukutya kwakho baza
kwaneliseka nakanjani! Sikupha isipho esiza
kukwenza ukuba upheke ukutya
okunambithekayo."

UKhwezi wabulela waphaphatha, wathatha


iziqholo wazifaka kwisingxobo sakhe.
Wayesazi ukuba wayezifumene zonke izinto
awayezidinga. Waziva esemandleni waza
waqalisa uhambo lwakhe olubuyela elalini
yakwaNdlovu.

11
Wathi xa efika ekhaya babe abahlali
bemvuyela, bemjikeleza befuna ukuva konke
ngohambo lwakhe. Waqala wababalisela
ngayo yonke into ayibonileyo, ayivileyo
nayityileyo.

Emva koko wavula isingxobo sakhe


wababonisa izinto awayeziphiwe. Abantu
belali bavuya kakhulu baze bazamkela ezi
zipho.

Ububele nesisa sabanye abantu kunye


nobugorha bukaKhwezi babuyisela umbala,
umculo kunye nomxhentso kubantu belali.

Le, yaba yindlela owabuyiswa ngayo umoya


wokubhiyozela intwasahlobo kubantu belali
yakwaNdlovu.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

Ukukhangela umo
umoya
ya weNtwasahlobo
Author - Mosa Mahlaba
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Selina Masego Morulane
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - Read Aloud
© Mosa Mahlaba, Selina Morulane, Sibusiso Mkhwanazi, Book Dash, 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
ULilitha
noLuniko
batyelela
umakhulu wabo
Xolisa Guzula
Catherine Groenewald

isiXhosa
ULilitha noLuniko babehlala
esixekweni notata wabo.

Babekulangazelela kakhulu ukuya


eholideyini. Babengafuni nje ukuba
izikolo zivalwe kodwa babefuna ukuya
kutyelela umakhulu wabo. Wayehlala
elalini enechibi elikhulu ekulotywayo
kulo.

1
ULilitha noLuniko bachulumanca
lakufika ixesha lokuyokutyelela
umakhulu kwakhona.

Phezolo, ngobusuku obungaphambili


bapakisha iibhegi zabo belungiselela
uhambo olude oluya elalini.

Babengakwazi ukulala yimincili baze


bahlala bancokola ngeholide yabo
ubusuku bonke.

2
Ekuseni ngemini elandelayo, bahamba
ngemoto katata wabo ukuya ezilalini.

Yahamba imoto igqitha iintaba,


izilwanyana zasendle kunye
namahlathi.

3
Emva kwexesha elide behamba,
abantwana badinwa baze balala.

4
Utata wabo uLilitha noLuniko
wabavusa besakufika elalini.

Bafika umakhulu wabo uNobuntu


ephumle phantsi komthi.

Igama elithi ‘Nobuntu’ ngesiXhosa


lithetha umntu oxabise abanye abantu
nozaziyo ukuba ungumntu ngabanye
abantu.

Wayelinina elihle elisele liqinile.

5
UNobuntu wabamkela emzini wakhe
waze wadanisa ngaphakathi luvuyo.

Abazukulwana bakhe bona


babechumancile ngelixa babemnika
izipho ababemthengele zona
esixekweni.

"Vula isipho sam kuqala," watsho


uLilitha. "Hayi makhulu, vula esam
kuqala!" watsho uLuniko.

6
Emveni kokuba ezivulile izipho,
uNobuntu wabasikelela abazukulwana
bakhe ngokwesithethe.

7
Emva koko uLilitha noLuniko baphuma
baya phandle. Baqalisa ukuleqa
amabhabhathane neentaka.

8
Bakhwela emithini, batshizana
nangamanzi echibini.

9
Ngokuhlwa babuyela endlwini
bayokutya isopholo.

Kodwa basuka bozela phambi kokuba


bagqibe ukutya kwabo.

10
Ngemini elandelayo utata
wabantwana wabuyela esixekweni
ebashiya nomakhulu wabo uNobuntu.

11
ULilitha noLuniko bancedisa umakhulu
wabo ukwenza imisebenzi yasekhaya.

Bayokukha amanzi futhi baya kutheza.

Baqokelela amaqanda eenkukhu


bakha nemifuno egadini.

12
Umakhulu uNobuntu wabafundisa
abantwana bakhe ukupheka ipapa
ababeza kuyitya nonqweme.

Wababonisa nendlela yokupheka


umngqusho oneembotyi.

13
Ngenye intsasa, uLilitha wakhaphela
iinkomo zikamakhulu emadlelweni.
Ngelishwa zangena entsimini
yommelwane.

Ummelwane waba nomsindo kakhulu


yinto kaLilitha yokuyeka iinkomo
zingene entsimini yakhe. Wamothusa
ngokuba uza kuzibamba iinkomo
ezitya izityalo zakhe.

Emva kwaloo mini, uLilitha


waqinisekisa ukuba iinkomo aziphindi
zimfake engxakini kwakhona.

14
Ngenye imini abantwana baya
emarikeni noNobuntu.

Wayenestendi athengisa imifuno,


amagwinya kunye nenyama kuso.
ULuniko wayekuthanda ukuchazela
abantu ngamaxabiso ezinto.

ULilitha ekuthanda ukupakisha izinto


ezithengiweyo.

15
Emva kwemini babeye baphunge
ibholani kunye. Babencedisa
umakhulu nokubala ingeniso
ayenzileyo.

16
Kodwa iintsuku zeholide zafikelela
ekupheleni ngokukhawuleza kwaye
abantwana kwafuneka ukuba
babuyele esixekweni kwakhona.

UMakhulu wanika uLilitha ikepusi,


waze wanika uLuniko isikipa.
Wabapakishela umphako elungiselela
uhambo lwabo.

17
Wathi xa utata wabo ebuya
ezokubalanda, abantwana abafuna
ukuhamba.

Bamcenga, bambongoza uNobuntu


ukuba ahambe nabo ukuya
esixekweni.

Umakhulu yena wancuma waze wathi,


"Ndimdala kakhulu ukuba ndingahlala
esixekweni. Ndiza kunilinda ukuba
nizokundityelela apha elalini
kwakhona."

18
ULilitha noLuniko bamqinisa
ukumwola oku baze bamsalisa
kakuhle.

19
Bakufika esikolweni uLilitha noLuniko
bababalisela bonke abahlobo babo
ngobomi baselalini.

Abanye abantwana babecinga ukuba


ubomi basesixekweni bobona
bulungileyo. Abanye bona babecinga
ukuba obaselalini bobona bungcono.

Kodwa, ngaphezu kwento yonke,


wonke umntu wavumelana noLilitha
noLuniko ukuba banomakhulu
othandekayo!

20
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

ULilitha noLunik
noLunikoo batyelela umakhulu wabo
Author - Violet Otieno
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Catherine Groenewald
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - Longer paragraphs
© African Storybook Initiative, 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
Umvundla
phantsi komthi
Xolisa Guzula
Wiehan de Jager

isiXhosa
UMvundla wayelele phantsi komthi
wama-apile. Wathi esalele njalo
kwawa qakatha i-apile phantsi.

1
Weva ngento nelizwi lisithi, "Qakatha!
Baleka, Mvundla baleka!" Wavuka
ngokukhawuleza wathi ngqe-e-e-e.

2
Wadibana nenkukhu, yona eyathi,
"Ubaleka ntoni mvundla?"

UMvundla waphendula, "Nam andazi.


Ndive ngento isithi, 'Qakatha! Baleka,
Mvundla baleka!'"

3
Yabaleka nenkukhu isothuswa yinto
etshiwo ngumvundla. Baze
bahlangana noNja.

4
UNja wathi, "Nibaleka ntoni?"

UNkukhu wathi, "Nam andazi nje.


Ndive ngomvundla, esithi naye
akayazi. Uve ngento isithi, 'Qakatha!
Baleka, Mvundla, baleka!'"

5
Yabaleka nabo inja yakuva esi
simanga.

6
Bahlangana noHashe. Wabuza
uHashe wathi, "Nibaleka ntoni?"

UNja wathi, "Nam andazi. Ndive


ngenkukhu isithi nayo ayazi. Ive
ngomvundla esithi naye akazi. Uve
ngento nje isithi, 'Qakatha! Baleka,
Mvundla, baleka!'"

7
Labaleka nalo ihashe. Baze bonke
bahlangana nembongolo.

8
Wabuza uMbongolo wathi, "Nibaleka
ntoni?

UHashe wathi, "Nam andazi. Ndive


ngenja isithi nayo ayazi. Ithi ive
ngenkukhu isithi nayo ayazi. Yona ive
ngomvundla esithi naye akazi. Uve nje
ngento isithi, 'Qakatha! Baleka,
Mvundla, baleka!'"

9
Wabaleka noMbongolo.

10
Baze bahlangana nenkomo. Wabuza
uNkomo wathi, "Nibaleka ntoni?"

UMbongolo wathi, "Nami andazi.


Ndive ngoHashe esithi naye akazi. Uthi
uve ngenja isithi nayo ayazi. Yona ithi
ive ngenkukhu isithi nayo ayazi. Yona
ive ngomvundla esithi naye akazi.
Yena uve nje ngento isithi, 'Qakatha!
Baleka, Mvundla, baleka!'"

11
UNkomo naye wabaleka, baze
bahlangana noKati. Wabuza wathi,
"Nibaleka ntoni Nkomo?"

12
Bonke bathi, "Nathi asazi. Sive
ngoMvundla esithi naye akazi. Uve nje
ngento isithi, 'Qakatha! Baleka
Mvundla, baleka!'"

13
Wabaleka nokati.

14
Bahlangana nenkwenkwe eyayikhwele
ibhayisekile. Yabuza yathi, "Nibaleka
ntoni?"

Bonke bathi, "Nathi asazi. Sive


ngomvundla esithi naye akazi nje. Uve
ngento isithi 'Qakatha! Baleka
Mvundla, baleka!'"

15
Yahleka inkwenkwe yaze yathi,
"Ngelixa i-apile belisiwiswa ngumoya
emthini, ndim othe, 'Baleka Mvundla,
baleka!'"

16
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

Umvundla phantsi komthi


Author - Phumy Zikode
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - Longer paragraphs
© African Storybook Initiative, 2015
Creative Commons: Attribution 3.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
UNandipha
intombazana
elincoko
Xolisa Guzula
Jesse Breytenbach

isiXhosa
Kudala kwaye kukho
intombazana egama
linguNandipha.

UNandipha wayekuthanda
kakhulu ukuncokola.
Umama wakhe wayehlala
emnqanda njalo ngobu
buncoko bakhe, kodwa
akazange amamele.

1
Ngenye imini uNandipha
wagulelwa ngumakazi
wakhe owayehlala
entlanjeni kude kufuphi
nelali yakhe.

2
Umama kaNandipha
wayexakeke kakhulu
ngaloo mini. Kwakusele
kuhlwile ngelixa wayenika
uNandipha ukutya
amakakuphathele
umakazi wakhe ogulayo.

3
Endleleni eya kwamakazi,
uNandipha wadibana
neMbulu eyayizitshintshe
yazenza umntu.

4
Imbulu yambuza ukuba
uphethe ntoni na.
UNandipha waphendula
wathi, "Ndiphethe inyama,
amaqanda nobisi."

Umama wakhe
wayemlumkisile ukuba
maze angaxeleli mntu
ngezinto awayeziphethe.

5
UNandipha wayichazela
imbulu ngezinto
awayeziphathele umakazi
wakhe ogulayo. Yaza
imbulu yaqalisa
kwangonko ukucinga
ngenyama eyayiphethwe
nguNandipha.

6
Yakhawuleza yagqotsa
ukuya endlwini kamakazi
kaNandipha.

7
Imbulu yafika yabimbiliza
umakazi kaNandipha yaze
yazigquma ngengubo.

8
Ngelixa uNandipha efika
kwakuthule kuthe cwaka
endlwini.

Wangena ngaphakathi
wakhwaza wathi, "Makazi
uphi?"

9
Wathi xa engaliva izwi
likamakazi wakhe
wangena egumbini lakhe
lokulala. Wothuswa
kukubona umntu
ozigqume ngengubo
enkulu.

10
"Makazi, kutheni iindlebe
zakho ziinkulu kangaka?"
wabuza uNandipha.

Imbulu yaphendula
phantsi kwengubo yathi,
"Ukuze ndikuve kakuhle."

11
UNandipha wabuza
kwakhona wathi, "Kutheni
amehlo akho emakhulu
kangaka?"

Imbulu yaphendula yathi,


"Ukuze ndikwazi
ukukubona kakuhle."

12
Ekugqibeleni uNandipha
wabuza, "Kutheni umlomo
wakho umkhulu kangaka
namhlanje?"

Imbulu yaphendula yathi,


"Ukuze ndizokukubimbiliza
kakuhle." Imbulu yaxhuma
ebhedini yaze
yambimbiliza uNandipha.

13
Ngenxa yoba uNandipha
wayekuthanda
ukuncokola, waye
wancokola nasesiswini
sembulu. Wayebuza
imibuzo emininzi.

14
Ekugqibeleni, imbulu
yadikwa yile mibuzo
mininzi kaNandipha yaze
yagqiba ekubeni imgabhe.

15
UNandipha nomakazi
wakhe baye bahlangulwa
ngabantu baselalini.

Ukusukela ngaloo mini,


uNandipha akazange
aphinde ancokole nabantu
angabaziyo.

16
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

UNandipha intombazana elincok


elincokoo
Author - Gaspah Juma
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Jesse Breytenbach
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - First paragraphs
© African Storybook Initiative, 2014
Creative Commons: Attribution 4.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
UNangila
igorhakazi
Xolisa Guzula
Vusi Malindi

isiXhosa
Kudala-dala, kwakukho indoda
eyayinesilonda esibi emlenzeni.

Yayingakwazi ukuma nokuhamba.

Le ndoda yayihlala elalini nenkosikazi


yayo kunye nabantwana babo.

1
Esi sibini sasinoonyana abathathu
kunye nentombazana enye.

Igama lentombazana yayinguNangila.


Umsebenzi kaNangila
yayikukunakekela uyise.

Amakhwenkwe wona ayesebenza


emasimini esolusa nemfuyo.

2
UNangila wayeyintombazana entle.
Bonke abantu belali babemthanda
futhi bemhlonipha.

Abazali bakhe bona babefunela


intombi yabo isoka eliqotho.

Benza iqhinga elinzima ukuze


bafumane eyona ndoda emfaneleyo.

3
Umntu owayefuna ukutshata
noNangila kwakufanele ayokufuna
iyeza elalifumaneka echibini
elalikufutshane nelali leyo.

Eli yeza lalizokupholisa isilonda


sikatata kaNangila.

Kodwa leli chibi laligcwele iziporho


nezithunzela ezinobungozi.

4
Amanye amadoda azama ukuya
kukha eli yeza kodwa abuya
elambatha.

Amanye amadoda awazange abuye


kwa ukubuya kwelo chibi.

5
UNangila wakhathazeka. Nditsho
nabantakwabo babengakwazi ukufika
echibini. Ngoko wagqiba ekubeni
ayokulikha ngokwakhe eli yeza.

Umama wakhe wathi, "Mntwana wam,


ucinga ukuba uza kuphumelela na,
njengokuba namadoda anamandla
ohlulekile?" Kodwa uNangila wayesele
esithathile isigqibo, engasenakubuya
ngamva.

6
Endleleni eya echibini, uNangila
wadibana nexhegwazana elalithwele
inyanda yeenkuni. Walithwalela
inyanda yalo ixhegwazana.

Ixhegokazi labulela laze lathi


kuNangila, "Ndiza kukuxelela indlela
onokufikelela ngayo echibini leziporho
nento ekufanele uyenze xa ufika
khona."

7
Wathi xa efikelela enyeleni yechibi,
uNangila wabona usapho lweziporho
lisela yaye lixhentsa. Walinda
wabukela.

Suke iziporho zabiwa bubuthongo


ngasinye ngexesha.

8
Kwathi xa sele zilele zonke, uNangila
wantywilela echibini.

Walifumana iyeza waze walifaka


epokothweni yakhe.

Uthe xa edada ebuyela enyeleni, suke


amaza aba made ukumodlula.

9
Iziporho zazisele zivukile ngelixa
uNangila efika enyeleni yechibi.
Wayesoyika kodwa wacula ingoma
awayeyifundiswe lixhegwazana:

Mna, ntombi kaWekesa,


Ndiphuma echibini.
Ndize apha ngoba amadoda ayoyika
ukuza.
Utata uyalidinga eli yeza ukunyanga
isilonda sakhe.
Yiyo le nto ndilapha nje,
Endaweni apho abaninzi
Boyikayo ukufikelela,
Kuba nina niphethe.

10
Ilizwi likaNangila lalimnandi
kangangokuba iziporho zamcela
ukuba aziculele aphindaphinde
amatyeli amaninzi.

Ukucula kwakhe kwenza ukuba


iziporho ziphinde zibiwe bubuthongo.

Wasuka apho wathi ngqe-e-e-e


ukugoduka ephindela elalini yakhe.

11
Bonke abantu babelindele ukubuya
kukaNangila.

Emva kokunyanga isilonda sakhe


ngeyeza, uyise wakwazi ukuphakama
kwakhona.

Ilali yonke yalilizela incoma uNangila.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

UNangila igorhakazi
Author - Violet Otieno
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Vusi Malindi
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - Longer paragraphs
© African Storybook Initiative, 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
UNcede inkosi
yeentaka
Xolisa Guzula
Wiehan de Jager

isiXhosa
Kudala, iintaka zazingenayo inkosi.
Ngenye imini zagqiba ekubeni zibe
nentlanganiso, apho zaziza kuxoxa
ngokuba ngubani na owayenokuba
yinkosi yazo.

Zabuzana ukuba ngubani


owayengaba yinkosi yazo?

1
"UKhozi womelele kwaye ukhangeleka
enentsobi yobukhosi." Yatsho enye
intaka.

"Hayi angekhe, uKhozi akanaso


isitshaba. Futhi xa ekhwaza akavakali
kakuhle."

"Kungcono uNciniba ngoba yena


mkhulu, xa ekhala uvakala
njengengonyama." Kwatsho enye
intaka.

"Hayi, soze, akakwazi ukubhabha,


inkosi yeentaka kufanele ukuba ikwazi
ukubhabha."

2
"Mna ndicinga ukuba ndingaba
yinkosi," watsho uPikoko edlalisa isisila
sakhe. "Ndimhle kakhulu."

"Kodwa uyaziqhenya," kwatsho


uSikhova. "Mna ndinamehlo amakhulu
kunazo zonke iintaka. Ndingaba
yinkosi."

"Hayi, unotshe. Ungaba yinkosi njani


wena Sikhova njengokuba ulala xa
kuza kusa nje!" Zonke iintaka
zamphikisa.

3
Zathi zisaqhubeka nengxoxo, enye
yeentaka yeza nombono wokuba
okungcono iintaka zibhabhe. Eyona
ibhabhela phezulu kakhulu ibe yiyona
eza kuba yinkosi yeentaka.

Zavumela phezulu zonke iintaka,


zaqalisa ukubhabha zisiya phezulu
esibhakabhakeni.

4
URhanisi wabhabha usuku olunye
wabhabhela phezu kwezona ntaba
ziphakamileyo elizweni.

UKhozi yena wabhabhela phezu


kweentaba eziluhlaza iintsuku
ezimbini.

Kodwa uXhalanga wabhabhela


phezulu iintsuku ezintathu engami,
entingela ngqo kufutshane nelanga.
Wathi esabhabha njalo uXhalanga,
suka waviwa zezinye iintaka ekhwaza
lisithi "Ndiphezulu, ndiyinkosi!"

5
Kodwa ngentla kwakhe uXhalanga
wesuka weva ngelizwi elincinci lisithi,
"Tswi, tswi, tswi! Ndiphezulu
ndiyinkosi." Kwakusitsho eyona ntaka
encinane iNcede.

Kwathi kanti yayikhwele ephikweni


likaXhalanga ngelixa entingela
phezulu esibhakabhakeni!

6
"Awusokuze undogqithe," watsho
uXhalanga entingela phezulu
kwakhona.

Wabhabha de waphelelwa
ngamandla. Waphinda wakhwaza
futhi "Ndiphezulu Ndiyinkosi yenu."

7
Kodwa ngaphantsi kwephiko lakhe
kwakusazimele uNcede. Waphuma
uNcede, "Tswi, tswi! Tswi, tswi! Ndim
intaka encinci, ndiyinkosi."

Kodwa uXhalanga wayediniwe ukuba


angabasantingela phezulu.

8
Wehlela ngezantsi kodwa uNcede
wayesazifihle phantsi kwephiko lakhe.

Ezinye iintaka zazinomsindo kakhulu


nguNcede. Zazimlindele ukuze athi xa
efika nje zimxuthe zonke iintsiba
zakhe.

9
Kodwa intaka encinane yabona indlela
ezinye iintaka ezazinomsindo ngayo.
Ngokukhawuleza yehla yangena
emngxunyeni wenyoka ongenanto.

Iintaka zathi kuSikhova, "Wena


S’khova ngoba unamehlo amakhulu,
gada uNcede umbambe xa ephuma."

Ngokunjalo, uSikhova wahlala phambi


komngxunya wawugada.

10
Kodwa emini xa ilanga selifudumele
uSikhova wabiwa bubuthongo walala.

Intaka encinci uNcede yalunguza


yabona uSikhova elele, yaze
ngokukhawuleza yanyonyoba,
yaphuma yabhabha.

11
USikhova waba neentloni ngento
ayenzileyo, yokubhungcisa uNcede.

Ukusukela ngaloo mini, uSikhova


waqala ukuzingela ebusuku, aze alale
emini, azimele ukuze angabonwa
zezinye iintaka.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

UNcede ink
inkosi
osi yeentaka
Author - South African Folktale
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - Longer paragraphs
© African Storybook Initiative, 2014
Creative Commons: Attribution 3.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
UNkukhu
noSongololo
Xolisa Guzula
Magriet Brink

isiXhosa
UNkukhu noSongololo
babengabahlobo. Kodwa
babesoloko bekhuphisana
ngento yonke.

Ngenye imini bagqiba


ekubeni badlale ibhola
ekhatywayo babone
ukuba ngubani oyena
ubalaselayo ekuyidlaleni.

1
Baya ebaleni lebhola
ekhatywayo baze baqalisa
ukudlala. UNkukhu
wayesenza iintshukumo
ezikhawulezayo, kodwa
uSongololo yena
wayekhawuleza
nangakumbi.

UNkukhu wayeyikhaba iye


kude ibhola, kodwa
uSongololo wayeyikhaba
iye kude kakhulu.
UNkukhu waqala ke ngoku
ukungonwabi.

2
Bagqiba ekubeni bakhabe
amapenalthi.

Kwaqala uSongololo
ukuba agade iipali.
UNkukhu wafaka inqaku
elinye kuphela.

Emva koko yaba lithuba


likaNkunku ukunqanda
ibhola ingangeni ezipalini.

3
USongololo wakhaba
ibhola wakora.

USongololo wajikajika
nebhola waze wakora
elinye inqaku.

USongololo wayingquba
ngentloko ibhola wakora
nelinye inqaku.

USongololo wakora
kahlanu.

4
UNkukhu yamenza waba
nomsindo into yokodlulwa
ngusongololo.
Wayengakuthandi
ukogqithwa.

USongololo wavele
wamhleka nje ngoba
umhlobo wakhe
wayengonwabanga
kwaphela.

5
UNkukhu wayenomsindo
kakhulu waze wavula
umlomo wakhe wamkhulu
waze waliginya isongololo.

6
Kuthe xa uNkukhu
egoduka, wadibana
noMam’uSongololo.

UMam’uSongololo
wabuza, "Ukhe wambona
umntwana wam
torhwana?"

UNkukhu akazange
aphendule. UMam’
uSongololo wakhathazeka.

7
UMam’uSongololo weva
izwi elincinci. "Ndincede
Mama!"

UMama uSongololo
walaqalaqaza
wamamelisisa. IIizwi
lalivela ngaphakathi
esuswini senkukhu.

8
UMam’uSongololo
wakhwaza, "Sebenzisa
amandla akho
akhethekileyo
mntwan’am!"

Amasongololo ayakwazi
ukukhupha ivumba elibi
enze nokuba izinto
zinambitheke kakubi.
Kwangoko, uNkukhu
waqalisa ukungaziva
mnandi.

9
UNkukhu wakhonyuluka.
Wabuye waginya
waphinda wathufa.

Wathimla, wakhohlela
kaninzi.

Isongololo lalimphathisa
isicaphu-caphu!

10
UNkukhu wakhohlela
wade waligabha
isongolololo
ebelisesuswini sakhe.

UMama uSongololo
nomntwana wakhe
barhubuluza banyuka
emthini ngeliya kuzimela.

11
Ukusukela ngaloo mini,
iinkukhu namasongololo
baba ziintshaba.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

UNkukhu noSongololo
Author - Winny Asara
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Magriet Brink
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - First paragraphs
© African Storybook Initiative, 2014
Creative Commons: Attribution 3.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
USikhukukazi
uqhatha uKhozi
Xolisa Guzula
Rob Owen

isiXhosa
Kudala-dala, uSikhukukazi
noKhozi babengabahlobo.
Ngenye imini, uKhozi
wafika uSikhukhukazi
ephumle phantsi komthi
neebhegi zakhe
ezinegrosari.
USikhukhukazi wayeme
ngomlenze omnye.

1
UKhozi wabuza
kuSikhukukazi, "Uphi
omnye umlenze wakho?"

2
USikhukhukazi
waphendula uKhozi wathi,
"Unovenkile unqumle
umlenze wam waze
wandinika ezi bhegi
endaweni yawo."

3
UKhozi wabuza
kuSikhukukazi ukuba
angakwazi na naye
ukwenza loo nto. Naye
wayeyifuna ibhegi egcwele
igrosari. USikhukukazi
wavuma.

4
UKhozi waya kunovenkile
wamcela ukuba anqumle
omnye umlenze wakhe aze
amnike ibhegi enegrosari
ngaphakathi. Unovenkile
wavuma.

5
UKhozi wangcileza
ngomlenze omnye wade
wayokufika ekhaya.
Wayonwatyiswe kakhulu
zizinto awayezinikwe
ngunovenkile.

6
Wathi akufika ekhaya
uKhozi, wabona
uSikhukukazi ehamba
ngayo yomibini imilenze
yakhe.

7
Wabanomsindo uKhozi
waze waleqa
uSikhukukazi. Kodwa
akazange amfumane.

Yiyo loo nto, uKhozi


esoloko ekhangela
amantshontsho
kaSikhukukazi. Xa ethe
walibona intshontsho,
uyalibamba alitye.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

USikhukukazi uqhatha uKho


uKhozi
zi
Author - Nathan Higenyi
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Rob Owen
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - First paragraphs
© African Storybook Initiative, 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org
Ibhasi enkulu
ezuba
Xolisa Guzula
Mango Tree

isiXhosa
Kwakukho ibhasi enye jwi
elalilini ka-Ebei.

Yayinkulu kwaye izuba


ngombala.

Yayingxola kakhulu.

1
Ngenye imini umama ka-
Ebei wathi, "Kusasa
ngomso sizokuya
edolophini siyokuthenga
iyunifomu yakho."

2
U-Ebei wavuya kakhulu.

Babeza kuhamba
ngebhasi enkulu ezuba
ngombala.

Wayengakwazi ukulala
ebusuku luvuyo.

3
Wayesele enxibile ngelixa
umama wakhe engena
ezokumvusa.

4
U-Ebei nomama wakhe
baya esitophini sebhasi.

Balinda ibhasi enkulu


embala uzuba.

Kodwa ibhasi ayizange


ifike.

5
Abanye abantu bafika
nabo esitophini.

Babekhalaza kuba ibhasi


yayingalibambanga
ixesha layo.

"Ingaba ibhasi isishiyile?"


Babebuza.

6
U-Ebei wakhathazeka.

"Asizukwazi ukuya
edolophini. Asizukwazi
ukuyokuthenga iyunifomu
yam," wacinga.

7
Abanye abantu bajika
babuyela emakhaya.

Kodwa u-Ebei wayekhala


engafuni ukuya ekhaya.

Umama wakhe
wamthuthuzela wathi,
"Siza kulinda isixesha
elide."

8
Ngokukhawuleza beva
ingxolo.

Babona uthuli emoyeni.

Yayisiza ibhasi!

9
Kodwa ibhasi yayingekho
zuba. Yayingekho nkulu.

Le bhasi yayibomvu yaye


incinane.

Abantu ababelindile
bayijonga nje ibhasi.
Abazange bakhwele.

10
"Ngenani! “Ngenani!"
wakhwaza umqhubi
Waphinda wathi, "Sishiywe
lixesha namhlanje."

11
U-Ebei nomama wakhe
bangena kuqala.

Ngomzuzwana wonke
umntu wangena ebhasini
ebomvu encinane.

12
U-Ebei wajonga phandle
ngefestile.

Wabona abanye abantu


abaninzi esitophini.

13
Abanye abantu abaninzi
babebaleka beleqa
ukukhwela ibhasi.

Kodwa babesele beshiywe


lixesha. Ibhasi yayisele
igcwele.

Ibhasi ebomvu yahamba


yaya edolophini.

14
"Iphi ibhasi enkulu ezuba
ngombala?" Kwabuza
umama kaEbei.

"Yonakele," waphendula
umqhubi.

"Siyayilungisa, iza kuba


khona ngomso," watsho
umqhubi.

15
U-Ebei wayengenaxesha
lombala webhasi.

Wayengenaxesha
lobukhulu bebhasi.

Wayevuyiswa kukuba
wayesiya edolophini.

16
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:

Ibhasi enkulu ezuba


Author - Mecelin Kakoro
Translation - Xolisa Guzula
Illustr
Illustration
ation - Mango Tree
Language - isiXhosa
Le
Level
vel - First paragraphs
© African Storybook Initiative, 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Sour
Source
ce www.africanstorybook.org

You might also like