Download as docx, pdf, or txt
Download as docx, pdf, or txt
You are on page 1of 5

ISICWANGCISO SESIFUNDO SIKANOMATHOTHOLO

KUMHLOBO WENENE FM

ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA

IPHEPHA LESI-2 (UNCWADI)

Umcwangcisi : Pakade G.

Umhla : 04 KWEYOMSINTI 2023

Ixesha : 20:30

BUZANI KUBAWO : TAMSANQA W.K

ISIHLOKO:

INTLANGANISO YAMAHLUBI ENGOZEKO LUKAGUGULETHU


Masenze unxibelelwano lweqweqwe lwencwadi nokuqulathwe yincwadi. Umbala
wesihloko sencwadi upinki, upinki ke simazi ngokuba umele uthando olutsha (pink
for new love). Nalo olo thando lutsha phakathi kukaGugulethu noNomaMpondomise
siluva lufika ngeleta xa uNomaMpondomise esamkela isicelo sothando
lukaGugulethu ezinikezela kumfana kaZilindile esithi ungowakhe wonke. Luvuyo
kuGugulethu ukufumana ileta efumbathe iindaba ezinje kukufezwa kweminqweno
yobomi bakhe uGugulethu ukwamkelwa kwesicelo sakhe sothando
nguNomaMpondomise ekubonakalayo ukuba lubambo lwakhe.

Kukho okuxhalabisayo kolu lonwabo lukaGugulethu nothando lwakhe


noNomaMpondomise, nkxalabo ebangelwa yingoma eculwa nguNozipho ethi: Dilika
thando. Kukho inkxalabo kwakho ngomqondiso oliphupha likaNozipho ephupha
uGugulethu ekwinkundla yamatyala izele imi ngeembambo inkundla. Ityala
ilelikaGugulethu elisiphelo ikukuxhonywa kwakhe nangona engazi ukuba lingantoni
ityala elo.

Ileta evela kuNomaMpondomise ifika ngexesha elifanelekileyo apho uGugulethu


abuzwa ngabazali malunga nokuba ucinga ntoni ngokuzeka. Impendula
kaGugulethu ithi ebejonge kubo abazali. Kukho ukungaqondi nokungatolili
ngokufanayo le ntetha kuZwilakhe noGugulethu. UZwilakhe uthi ukuphendula
uGugulethu usalindele ukufunzwa nangoku emdala kanti eyona nto ithethwa
nguGugulethu yeyokuba ebelindele kubo abazali ukuba batsho ukuba usexabisweni
lokuba angazifunela umlingane. Kule ntlanganiso yekhaya uZwilakhe akakhange

1
avele ngokuba bazakumbonela intombi uGugulethu nangona bebesekhe bayisompa
le nyewe noMaGaba inkosikazi yakhe kwaye banesigqibo abangasiveziyokunyana
wabo. Uphuma uGugulethu kubazali ephethe le leta iziswe yinkwenkwe aye
kwigumbi lakhe. Afike ayifunde. Imonwabise kakhulu le nto yokwamkelwa kwesicelo
sakhe sothando nguNomaMpondomise kwaye neleta ifike xa ebuzwa ngombandela
yokuzeka, abe uyise uZwilakhe ethe amaHlubi aza kudibana ngoMgqibelo ngale
nyewe.

UGugulethu ukuleqa ukuba afike uMgqibelo, wenza isicelo sesibini


kuNomaMpondomise sokucela umtshato, ngelakhe esenzela ukuhambisa lula
intlanganiso yamaHlubi xa ebuzwa ukuba sele eyibonile na intombi akwazi ukuthi
ewe yintombi kaLangeni uNomaMpondomise. Umbhali usebenzise isikrweqe
esibizwa ukuba sisigqebelo sedrama, apho thina bafundi sisazi ngokuza kuhlela
umlinganiswa abe yena engazi nto. Thina bafundi siyazi ukuba uZwilakhe uya
egushe uThobeka kangangokuba simincile ukuba kuza kwenzeka ntoni
kwintlanganiso yamaHlubi.

Umbhali ukwasebenzise ubuchule ukugcina abafundi kufutshane nencwadi


ngokusebenzisa isixhobo ulunqa (ukuminca ngelithi kuza kwenzeka ntoni).

Wasenza uGugulethu isicelo somtshato kuNomaMpondomise eleqela uMgqibelo


wentlanganiso. Wasamkela uNomaMpondomise isicelo sikaGugulethu kodwa
watsho ezibika amanwele anayo angazange wabanawo xa efikelela kwisigqibo.
Usamkela ke isicelo sokutshata noGugulethu kuba esithi uyamthanda kwaye
emthanda nje, kukho iinkomo zikaMcunukelwa ezisebuhlanti endiselwa kuye
ngenkani. Uthi uza kuzikhupha ke uNomaMpondomise ezi nkomo enethemba lokuba
uza kufaka ezikaGugulethu kuba kwaXhosa iinkomo zikhutshwa ngezinye. Siza
kuwabona laa manwele athe wanawo uNomaMpondomise xa asamkela isicelo
sikaGugulethu somtshato. Amanwele lukrobiso /ngumqondiso wokoyika nowento
embi okanye engentlanga eza kwenzeka. UGugulethu uya kwintlanganiso
yamaHlubi intliziyo idada emafutheni ecinga ukuba kuzokufezekiswa iminqweno
yakhe yobomi ngokuba beza kuhlala kunye noNomaMpondomise ubomi babo bonke
ngoku uthando lomnye komnye luza kutywinwa ngeqhina lomtshato. UGugulethu
uya kwintlanganiso yamaHlubi kunkenteza amazwi athi uNomaMpondomise
uyazikhupha iinkomo zikaMcunukelwa ngenxa yakhe Gugulethu. Utsho
uuMaNgwanya esithi usuke wanamanwele yonke loo nto yehla ngenxa yakhe
uGugulethu. Uthi uNomaMpondomise ukuba nenyani nokungabi nayo, yonke loo nto
iyakuxhomekeka kuye uGugulethu. Uvala ngelithi yena NomaMpondomise
uyazinikela kuye uGugulethu, ungowakhe wonke, akaboni wumbi. La mazwi
kaNomaMpondomise abe nafuthe lini kuGugulethu? Impendulo ikule ntlanganiso.

Wafika uMgqibelo ongaliyo, ifikile imini yokutyhilwa kwezinto. Balapha uMthetho,


Zweni, Nyaniso abaninawe bakaZwilakhe noZwilakhe noGugulethu. Wawandlala
umcimbi uZwilakhe wokuba uGugulethu ukwikhabathiso/ ixabiso lokuba azeke.
UMthetho ubuze ukuba uZwilakhe ukhe wadlana indlebe na nomfana malunga

2
nentombi ayibonileyo. UZwilakhe uthi akukho nto ebangela ukuba adlane indlebe
ngayo malunga nentombi kuba into yomfazi asindawo yakhe uGugulethu yeyabazali.
AmaHlubi awavumelananga noZwilakhe malunga nokungabandakanywa
kukaGugulethu nguyise aveze olwakhe uluvo. UZwilakhe ubeka iimpawu zomfazi
atsho esithi uGugulethu akazi nto ngomfazi. Wenza isicelo uGugulethu kuyise
sokuba le yomfazi indawo iyekelwe kuye. Atsho esithi nokuba intombi ibganazo ezo
mpawu kodwa ukuba akayithandi, zonke ezo zinto zingamampunge. UGugulethu
uthi ucela ukuthatha intombi ethandwa nguye. Uyise uma entla esithi akanakophula
isiko akugqiba ukuba yinkulu angohlwaywa yimilowo yamaHlubi ngesenzo esinjalo.

UZweni uyavela xa kubonakala ukuba uZwilakhe akafuni nokuva ngokuba


uGugulethu azikhethele intombi, ngelithi makwaziwe ukuba amaxesha ngamanye.
Uthi uZwilakhe xa ebona ukuba abantakwabo abangqinelani naye kweli cala
lokubonela uGugulethu intombi, bona bathi makayekwe azikhethele intombi
ayakungcwabana nayo, akanakuzenza ixoki. Simva uGugulethu ephunyelwa
sisimilo esithi kuyise ulilo ixoki ngokuthi akantanga yakufunzelwa atsho emmele
ngecephe emfunzela. Uthi uMthetho xa ezakuthi uZwilakhe akanakuzenza ixoki,
ngubani lo kucaca ukuba umthembisile.

UGugulethu ufikelela kwisigqibo sokuba awazise amaHlubi ukuba ngoku yena


“ugqibile”. UGugulethu uthi kudala ephika, elokuncama akukho nto akuphinda
ayithethe, kuyo yonke into efuna yena impendulo yakhe iyakuthi “ Buzani kubawo”.
Ulibizile igama lentombi uZwilakhe ukuba nguThobeka intombi kaMcothama.
Kumbuzo kaZweni othi ingaba kukho nto ayihlabayo na uGugulethu kuThobeka
impendulo esuka kuGugulethu yathi :Buzani kubawo” Sivela njalo ke isihloko
sencwadi. UZweni uvala ngelithi kuZwilakhe, “ Uyindoda ubogawul’ ubheka”. Nanga
laa mafu angaphandle kwiqweqwe lencwadi ayafingiza/ liyezisa ngoku izulu/
liyandila. Iphela intlanganiso yamaHlubi kungekho kuvisisana uZwilakhe emi yedwa
kwicala lakhe.

Kukule ntlanganiso apho simbona uGugulethu ngathi uphila kwilizwe lakhe yedwa,
ebonakala okomntu omkelwa zingqondo. Mve xa esithi: “ Namhlanje ndihamba
phantsi kwethunzi lokufa, namhlanje luphelile ulonwabo kum, O-o-o! Kuzibulala!
Kuzibulala!.......”.NomaMpondomise! NomaMpondomise, ndithini na sithandwa?
Ndikujike ebendikuthethile ndizenze ixoki kuwe? Andinakho; wena ungowam.
Nokuba ndihamba kwiintsunguzi zamahlathi amnyama; nokuba ndihamba
kumathunzi okufa amnyama; zingade zivuke iinkqwithelanemimoya, izulu ngokwalo
liyangqina lithi, wena ungowam! Wena ungowam! Limkile ilanga! Limkile ilanga!
Buzani kubawo! Buzani kubawo”.

Nanku laa mqondiso wamanwele kaNomaMpondomise ngexesha wayevuma isicelo


somtshato sikaGugulethu. Nantsi laa ngoma kaNozipho ethi “Dilika thando” ludilikile
uthando lukaGugulethu noNomaMpondomise. Kuza kwenzeka ntoni njengokuba
kubonakala ukuba ayafingiza amafu. Le ntlanganiso iyikrazule yayohlula kubini
intliziyo kaGugulethu. Oku kuthetha kukaGugulethu lushiya ulunqa ngokuza

3
kulandela emva koku. Kodwa kuyabonakala ukuba kuseza kuba kubi. AmaHlubi
alungiselela ukuya kucela intombi kaMcothama efunwa nguZwilakhe engafunwayo
nguGugulethu lo izakutshatela kuye. Wacelwa uThobeka naye
engabandakanywanga kwisigqibo, wamkela ngenxa yokuthobeka kwakhe. Kodwa
ethobeke enjalo uThobeka utshilo kunina uMaDongwe into yokuba mabazilumkele
iziphumo zezinto abazenzayo kuba yena akamazi uGugulethu.

Wafika umhla womtshato, uGugulethu wazibopha isandla ngelithi wonzakele ibe


inyaniso ikukuba engafuni kuzibophelela ngokutyikitya. Nangomhla womtshato waba
ngathi umfundisi makalandele emva kwakhe ngokqwenkqubo yokutshatisa wema
kwisigqibo sempendulo yakhe ngokuthi “ Buzani kubawo”. Yamxhalabisa le meko
umfundisi kodwa wathi uZwilakhe makaqhube umfundisi ngenene nguye othe
makatshate le ntombi. Uqhubile umfundisi kodwa wavakalisa inkxalabo yakhe ngoku
kuqhubekayo esithi uyaqala ukuyibona into enje, unoloyiko ngeziphumo zalo
mtshato. Xa kufikelelwa kwixesha lokutyikitya, umtshati ngamnye ezibophelela
komnye uGugulethu watyikityelwa nguZwilakhe. Kukulo mtshato kaGugulethu apho
kuhlatywa afe uMzamo nguNimrod. Iphephandaba lazipapasha iindaba zokufa
kukaMzamo xa bekutshata uGugulethu. UNomaMpondomise umangalela
uGugulethu ngokwaphula isithembiso akuva ezo ndaba kwiphephandaba. Emva
kokucela ukuphuzwa nguGugulethu enkundleni uthi kuGQITYIWE noGugulethu
uthe KUGQITYIWE. Kuyabonakala ukuba esi sibini sasitshata ngendlela yaso.
Emva koko uyaphuma uNomaMpondomise, emva kwexesha kuvakala iindaba
zokuba uzeyelisele emlanjeni. Liyagqekreza ngoku, uwile uMzamo,
NomaMpondomise, noMaNyawuza unina kiaNomaMpondomise. UMaNyawuza
ujube isiqaqa akuva iindaba zokufa kwentombi yakhe wafa. Yila mibane ixananaze
ngaphandle encwadini. Liyagqekreza ngoku.

Emva komtshato uGugulethu walifulathela ikhaya wayakuhlala eMthatha akaphinde


abuye aze kokwabo. EseMthatha nje uhlala enxibe iimpahla ezimnyama ngelithi
uzilile uzilele uNomaMpondomise inkosikazi yakhe eyazoyelisela emlanjeni
eMthatha.

Ingaba kuza kwenzeka ni emva koku kuThobeka oshiyeke kuloGugulethu ekubeni


umyeni ebhacile. Ukuhlala kwakhe uThobeka emzini engekho umyeni, uhlelele ni?
Kuza kwenzeka ntoni kuThobeka ngokuhlala kwakhe emzini umyeni engekho? Siza
kubona kwisifundo esizayo

4
5

You might also like