Buzani May

You might also like

Download as docx, pdf, or txt
Download as docx, pdf, or txt
You are on page 1of 2

ISICWANGCISO SESIFUNDO SIKANOMATHOTHOLO

UMHLOBO WENENE

ISIKHOKELO KWEZEMFUNDO

UMCWANGCISI: PAKADE G.

UMHLA : 22 CANZIBE 2024

IXESHA : 20: 30

ISIFUNDO : UNCWADI LWESIXHOSA IBANGA LE-12

BUZANI KUBAWO: TAMSANQA W.K

“AMANDLA WOTHANDO AKULE NCWADI NGOKUCHASENEYO NESIKO”

Yincwadi le engoqhankqalazo lukaGugulethu ngokungavumelani noZwilakhe


malunga nentombi amakayitshate.

Naba abalinganiswa abakholelwa ukuba umtshato uxhomekeke kuthando (lulutsha)

- Gugulethu
- NomaMpondomise
- Thobeka

Abazali abakholelwa ekuboneleni abantwana babo abantu amabatshate nabo:

- Zwilakhe nenkosikazi yakhe


- Mcothama nenkosikazi yakhe
- Langeni nenkosikazi yakhe

GUGULETHU NOTHANDO

UZwilakhe ekunye noMaGaba bamgqibele uGugulethu ukuba uzakutshata


uThobeka Mcothama abamthandayo bona, ngokubona ukuziphatha neempawu
zobufazi anazo babe bejonge nekhaya lakhe. UZwilakhe ufakwe nguMaGaba umoya
wokungatshintshi kwisigqibo sabo sokuba nguThobeka ozakutshatwa nguGugulethu.
Yona loo nto bazakuyinyanzelisa ukuba uGugulethu akayamkeli into kaThobeka.

Bayambiza uGugulethu abazali bakhe, uZwilakhe ambuze ngokuba ucinga ntoni


ngokuzeka kuba sele eshiyiwe zintanga zakhe. Impendulo kaGugulethu ingaphuhli
ncam iquve, athi ebelindele kubo abazali. Uthi uyise ukuphendula ingaba usafuna
ukufunzelwa na nangoku emdala. UZwilakhe uyitolike ngendlela athanda ngayo le
mpendulo. UGugulethu yena abe ethetha ukuba ebelindele kubo abazali ukuba bathi
usexabisweni lokuba atshate. UGugulethu uzibonele intombi ayithandayo
enguNomaMpondomise. Abazali bona bambonele uThobeka intombi kaMcothama

1
iqale apho ingxaki kwintlanganiso yamaHlubi. Yaphuma iintlanganiso
kungavisiswananga yaqhekeka kubini intlanganiso. Abaninawe bakaZwilakhe
bazamile ukumbonisa uZwilakhe ngelithi makamyeke uGugulethu azibonele intombi
kodwa wakhaba ngawo omane uZwilakhe esithi akanakuzenza ixoki kwaye
akanakuzala umntwana aze ajike alawulwe nguye. Uqale apho ke uGugulethu ukuba
xa engabandakanywa kulo mtshato kungafuna ilizwi lakhe nguyise, yonke into
enokwenza nomtshato maibuzwe kuyise, “Buzani kubawo”.

NOMAMPONDOMISE NENDLELA AWUBONA NGAYO UMTSHATO NOTHANDO

UNomaMpondomise naye unyanzelwa ngoMcunukelwa ngabazali bakhe abe


ethanda uGugulethu. Bangena eluthandweni noNomaMpondomise iinkomo
zisebuhlanti zikaMcunukelwa kodwa avume uGugulethu elandela intliziyo yakhe.
UGugulethu uthembisa uNomaMpondomise ngomtshato naye avume, axolele
ukukhupha iinkomo zikaMcunukelwa kuba ezakufaka ezikaGugulethu
ngokwesithembiso. Uyenza le nto uNomaMpondomise ebonisiwe ngunina,
noLangeni uthethe ngokuba makazikhuphe iinkomo zikaMcunukela kodwa
uyakumcinga. Wazikhupha uNomaMpondomise ngenxa yothando lwakhe
kuGugulethu. UNomaMpondomise ubona kwiphephandaba ukuba uMzamo
uswelekile xa bekutshata uGugulethu. Uyaphoxeka uNomaMpondomise,
amangalele uGugulethu ngokwaphula isithembiso. UGugulethu wohlwaywa umdliwo
okanye iinyanga ezintandathu ejele. Uyise uyamkhuphela imali. UNomaMpondomise
uthatha isigqibo sokuzeyelisela emlanjeni kuba engaboni bomi ngaphandle
kukaGugulethu, ekwabaleka nehlazo.

UTHOBEKA NENDLELA AWUBONA NGAYO UMTSHATO NOTHANDO

UThobeka ubona kufika iindwendwe zakwaRhadebe kwaZilindile zizokucela yena


abe engenalwazi lwazo. Uthi kunina uMaDongwe ngabantu baphi aba kwaye
bazokuthini. Uthi unina bazokucela yena. Impendulo kaThobeka ithi akamazi
engamqhelanga uGugulethu umbona nje. Unina uthi uzakumqhela kanti, kwaye
uyaya kwaZilindile. UThyobeka naye ukholelwa ekubeni umntu ufanele ukhe
uthandane naye phambi kokuba kuthethwe ngomtshato. Kuthi kuba ethobekile
uThobeka ashiye unina namazwi athi, mabazilumkele izinto abazenzayo
bengabazali. Uyaya ke emzini kwindoda engamfuniyo enguGugulethu. Washiya
ikhaya uGugulethu wayokuhlala eMthatha. Akulandelwa nguThobeka wababulala
nabantwana abathathu.

You might also like