Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 24

Incwadana

engokuSetyenziswa
Gwenxa kweZiyobisi

1 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo


2 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo
Ukusetyenziswa kweziyobisi ngendlela
ekhubazayo
Kuylile mihla nje, uninzi lwabantu basebenzisa uhlobo oluthile lwesiyobisi
okanye lwamayeza, abawanikwe ngugqirha okanye bewathenge evenkileni,
ukuzama ukukhawulelana nesigulo esthile, ukungahambelani nezinto ezithile
okanye uphawu lwesigulo eso. Kodwa ke ingxaki ivela xa umntu lowo esise-
benzisa gwenxa, ezilahlela kuso okanye esisebenzisa ngaphezu komlinganiselo
oqingqiweyo eso siyobisi.

Yintoni isiyobisi?

Isiyobisi lilo naliphi na ichiza, eliyindalo okanye elenziwe ngumntu, elithi


emva kokuba lisetyenzisiwe, lize nenguqu kwindlela aziva ngayo, enza ngayo
okanye athi aziphathe ngayo umntu lowo.

Indaba yokuba amachiza athile afana notywala umzekelo, inikhothini okanye namanye
amachiza afumaneka ngokuthengwa engathatyathwa njengeziyobisi, ayilitshintshi
ifuthe lazo engqondweni nasemzibeni womntu, nto leyo ithi ke zingathatyathwa
nazo njengeziyobisi.

Xa zisetyenziswa oko, ezinye iziyobisi zenza umzimba ujike uziqhele iziphumo


neempawu zazo ukuze kufuneke isetyenziswe rhoqo elo chiza ukuze kube
nokuzuzeka ifuthe lazo ngokweminqweno yomsebenzisi. Noxa kunjalo, iziyobisi ke
zinefuthe elahlukeneyo kubantu abahlukeneyo kwindlela eya ekuqhelekeni kwazo.

Kuye kwahlulwe ke phakathi kwemeko yokuzinikela ngokwengqondo


kwanokuzinikela ngokomzimba. Ukuzinikela ngokwasengqondweni kubhekisa
kumsebenzisi lowo esoloko eyirhalela okanye esoloko ecinga ngayo. Umsebenzisi
lowo angaziva edikwa, exhwalekile ze abe neentloko ezingapheliyo xa isiyobisi eso
singasetyenziswa ngokwamaxesha aqhelekileyo.

Ukuzinikela ngokomzimba kungaquka zonke ezi mpawu zingentla apha, kodwa ke


ngapha koko umsebenzisi unokuzibhaqa ethanda ukuba yedwa kwanokungaziva
mnandi ngokwasemzimbeni, umzekelo, azive engcangcazela, iingqele ezikumazinga
aphezulu okanye ukubophana kwemisipha.

Ukuzintyintya ngesiyobisi kungacaciswa njengokusisebenzisa ngomlinganiselo


ongaphezu kunalowo sele uqheliwe ngumzimba. Iziphumo zingasukela
kwezingenabungozi kakhulu (ukuba nesiyezi, ukugabha) ukuya kwezo zingakhokelela
nasekusutyweni kukufa (ezifana nezihlasela iziphunga, nokumelwa yintliziyo).

Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 3


Isilumkiso sempilo
Akukho ziko linokwala ukunyanga izigulana ezinezigulo ezidinga uncedo
olungxamisekileyo ezidalwe ngamachiza aziziyobisi. Isigulana eso singadluliselwa
kwisibhedlele sengingqi okanye sommandla ngokuxhomekeka kwimeko yakhe.
Le ngcombolo isuka kwiSEBE LEZEMPILO.

Isicwangciso-qhinga sokulwisana
nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi notywala
Ukusetyenziswa kweziyobisi ngendlela enobungozi iye icaciswe incokolwe
ngokwala manqanaba mathathu, axhalabisayo alandelayo:

Ukuncitshiswa kweentengiso (ngumsebenzi weSAPS)


Ukuncitshiswa kwazo (uNyango)
Unyango/ukuBuyiselwa kwiimeko zesiqhelo kwabo banengxaki yokusebenzisa
gwenxa iziyobisi (liSebe loPhuhliso loLuntu namahlakani emibutho)

INkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika, ngenkxaso yeSebe loPhuhliso loLuntu, EloKhuseleko


loPuntu, EleMfundo neleMpilo, likhokela umzabalazo wokuphelisa nokubeka phantsi
kweliso iintgengiso zeziyobisi.

Ukuncitshiswa kwesidingo, okunento yokwenza nokususa umdla


wokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi luluntu ngokubanzi.
Ukuncitshiswa komonzakalo, okuthi, ngokwenjongo yalo mthetho, kunento
yokwenza kuphela nokunyangwa ngokupheleleyo kwabantu abasebenzisa
gwenxa iziyobisi kunye neentsapho zabo, kwanokuqwalaselisiswa komonka-
lalo odalwa kukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kuluntu, ngokwasengq-
ondweni nangokwasempilweni.
Ukuncitshiswa kweentengiso, okubhekisa kwiinzame ezijolise ekuphelise-
ni ukwenziwa nokuhanjiswa kweziyobisi ezingekho mthethweni kwakunye
nezenzo zolwaphulo-mthetho.

Ungenelelo kwiinkalo zoNyango/zokuBuyiselwa kwisimo sesiqhelo lukhokelwe liSe-


be loPhuhliso loLuntu kwaneleMpilo kweli phondo.

ISebe leMpilo linikezela ngeenkonzo ezithile kumba wokusetyenziswa gwenxa


kweziyobisi:

Iimeko zezigulo ezidinga uncedo olungxamisekileyo


Iimeko zokugula ezinobuzaza
Ukupheliswa kweziyobisi emzimbeni njengoko kwalathisiwe (ezi ke zikhokelwa
yimigaqo), kunye
Nokukhangelwa kwezigulo kabini (ezokuNgazinzi ngokwaseNgqondweni okanye
neziDalwa kukuSebenzisa Gwenxa iZiyobisi).

4 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo


Uninzi lweenkonzo zonyango zezokunyangela ngaphandle kodwa zibe mbalwa ezo ke zokunyangel-
wa ngaphakathi. ISibhedlele saseStikland sinikezela ngeebhedi ezingama-26 Zilishumi elinambi-
ni kuphela iibhedi ezibekelwe ukunyangela ukukhupha amachiza ayabisayo emizimbeni. Uninzi
lweenkonzo zokucoca umzimba obuneziyobisi zinikezelwa kwinqanaba lamaZiko Oluntu Eenkonzo
Zempilozo njengenkonzo enikezelelwa ngaphandle. ISebe Lempilo alizinikeli iinkonzo zokunyangel-
wa iziyobisi. ISebe Lophuhliso Loluntu (iDSD) lixhasa ngemali amaziko angama-51 aquka amaziko
okunyngela ngapakathi kwakunye nemibutho esekelwe ekuhlaleni.

Ngo-2015, iSebe livule iziko lalo lonyango lokuqala eKensington elinikezela ngezidingo zonyango
kumanina kuphela. Ngapha koko, iDSD inikezela ngeenkonzo zokunyangelwa ukusebenzia gwenxa
iziyobisi kumaziko Akhuselekileyo Nangawokhuseleko.

Ezi ngcombolo sizinikwe LISEBE LEMPILO

Iziyobisi neNtsholongwane kaGawulayo

Abantu abasebenzisa iziyobisi ezingena ngeenaliti (ingakumbi iheroin, icocaine kunye


nee-amphetamines) bavame ukwabelana ngezirinji, imixube yeziyobisi, kwakunye
nezixhobo zokulungisa iziyobisi. Ezi ke zezinye zezona ndlela zilula abantu beziyobisi
abosuleleka ngazo zizigulo ezifana nentsholongwane kaGawulayo kunye nehepatitis
B ne-C. kuye kubekho ke nemikhwa nokungaziphathi ngendlela ekhuselekileyo
nakumba wesondo ekusetyenzisweni gwenxa kakhulu kweziyobisi, oko ke kube
kusandisa umngcipheko wokusasazwa kwesigulo eso. Zimalunga nesithathu esinye
iimeko zokosuleleka kwabantu nguGawulayo minyaka le ngenxa yokusetyenziswa
kweziyobisi ngeenaliti.

Kwanjengoko ke, iinkqubo zokunyangelwa ukusebenzisa iziyobisi zinganefuthe


elibi kumlo wokuncitshiswa kwefuthe lokosuleleka yintsholongwane kaGawulayo
ngoba kunceda abantu abasebenzisa iziyobisi ngeenaliti ukuba bacuthe inani
leenaliti abazifumanayo emizimbeni okanye ke ngamanye amaxesha kubayekisa
konke-konke. Ukwehla kwezinga lokusetyenziswa kwazo kuncedisa ekwehlisweni
kweemeko zokuziphatha kakubi ngenxa yeziyobisi, kube ke oko kona kukhokelela
ekuncipheni kwamathuba okosuleleka yintsholongwane kaGawulayo.

Ezi ngcombolo zishwankathelwe kuxwebhu olusihloko esithi IDU HIV PREVENTION – LINKING HIV
PREVENTION SERVICES AND SUBSTANCE ABUSE TREATMENT PROGRAMMES lwenyanga yoMdumba
ka-2002. Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, yiya kule dilesi: http://www.cdc.
gov/idu

Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 5


Iziyobisi noTywala – Izikhokelo
kwiZikolo
Ngenyanga yoMnga ka-2002, uRhulumente woMzantsi Afrika waphumeza IIsiK-
hokelo soMgaqo-nkqubo wokuLawulwa kokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi
ngaBafundi eZikolweni kwanakumaZiko eMfundo noQeqesho oluQhubayo

Kusaqulunqwa ngoku izikhokelo zokuphumeza lo mgaqo-nkqubo liSebe leMfundo.


Xa ehlanganisiwe, la maxwebhu ajolise:

Kuthintelo;
Ungenelelo;
Indlela yokulawula iingozi neziganeko ezithile.

Eli dabi ke likhokelwa yile migaqo ilandelayo:

Ukufunyanwa zikuwe, okanye ukuzihamba-hambisa, ukuba nesixa esininzi kakhu-


lu, ukusebenzisa ezininzi kakhulu okanye ukuhamba-hambisa iziyobisi ezingekho
mthethweni ezininzi kakhulu akwamkelekanga kwizikolo zoMzantsi Afrika;
Onke amaziko emfundo kufuneka abe nemigaqo-nkqubo ecacileyo kumba
wothintelo, okhokelisa ukubuyisela amaxhoba kwisimo sesiqhelo;
Zonke iinkcukacha ezichaphazela ukusetyenziswa kweziyobisi, ukusetynziswa
gwenxa okanye imeko yokuzilahlela kuzo komfundi kufuneka zigcinwe ziyimfihle-
lo (ngaphandle kwalapho umfundi lowo ethe wenza isenzo solwaphulo-mthetho,
esifana nokushishina ngeziyobisi kwisakhiwo sesikolo, apho ke igama lakhe lin-
gachazwa okanye linikezelwe kumapolisa kuphela kwakunye nabasemagunyeni
kwezemfundo abadinga ukwazi);
Kwiimeko zokuza ngaphambili, ootitshala nabafundi kufuneka banikwe inkxaso
ukuze babe nokumelana nemiba eyimfihlelo;
Umfundi othe wabandakanyeka kwimeko embi eneziyobisi phakathi kufuneka an-
ikwe uncedo oluzakumnceda ahlale esesikolweni apho, okanye ke, ukuba kuyim-
funeko, ancdiswe ekufumaneni esinye isikolo.

Ngapha koko, Izikhokelo ezisaqulunqwayo ziza nala mabakala alandelayo:

Kuqukwe imfundo ngeziyobisi kwiNkalo yokuFunda yesifundo iLife Orientation;


Izikolo kufuneka zifumane uncedo olusuka kubazali okanye abantu abakhulisa
umfundi lowo kwanolwazi ekuqulunqeni kwanokuphumeza eyazo imigaqo-nkqu-
bo ekufuneka ngandlela-zonke ihambelane nemgaqo-nkqubo weSebe leMfundo;
Kufuneka ootitshala baqeqeshwe kwinkalo yolwazi ngeziyobisi; zikolo kufuneka
ziphakamisele phezulu iinkqubo zokufundisa abafundi ngokuncedisana kwiimeko
zokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi;
Ukuba kuthi kuqeshwe inkampani okanye umntu wangaphandle ukuze aqeqeshe
ootitshala okanye abafundi ngeziyobisi, kuyakubaluleka ukufumanisa ukuba
inkampani okanye umntu lowo uyavunywa liSebe leMfundo ukuba angawenza na
loo msebenzi;
Izikolo kufuneka ziziqulunqele “iNkqubo yeNkxaso kuBafundi”, ediza indima yaba

6 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo


fundi, yabazali, abantu abakhulisa abafundi, kwakunye nesikolo xa umfundi athi
azibhaqe egaxeleka kwiingxaki ezibandakanya iziyobisi yaye kungafuneka adlu-
liselwe (apho azakuncedelwa ngaphandle okanye ngaphakathi) ukuze afumane
unyango.
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhakamshelana ne-Ofisi yeSithili okanye uNdlunkulu weSebe leM-
fundo lePhondo okanye leSizwe. Zikhutshwe liSebe leMfundo

Yintoni ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi


notywala obunobungozi?
Akukho nkcazo yamkelwe nguwonke-wonke enokuquka ukusetyenziswa
gwenxa kweziyobisi ezifumaneka koogqirha, iziyobisi ezingekho mthethweni
okanye isiyobisi.
Ukuzebenzisa iziyobisi ngendlela enganobungozi kukusebenzisa ngokudlulisi-
leyo, ukuzisebenzisa gwenxa okanye ukuzisebenzisa ngaphezu komlinganise-
lo oqingqiweyo okanye ukuzilahlela etywaleni okanye kwisiyobisi.

Amanqanaba okusetyenziswa
Obunobungozi
Ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi Ukusetyenziswa ngendlela enga-
ezinganobungozi kuqala kancinci, kun- nobungozi yindlela yokusetyenziswa
gacingelekanga futhi: gwenxa kweso siyobisi okanye obo
tywala eyonzakalisa impilo yakhe
1. Ngokuzama-zama yomzimba okanye yengqondo okanye
2. Ukuzisebenzisela ukuzonwabisa emnika imbonakala embi ebantwini;
3. Ukuzisebenzisa ngelo xesha okanye
ukuzisebenzisa phantsi kolawulo: Ukuzilahlela yindlela yokuzisebenzisa
gwenxa ngamandla nengenalulawulo
Ukuzisebenzisa gwenxa kukuzise- ekhokelela:
benzisa kakhulu kunomlinganiselo
oqingqiweyo okanye ngokwahluki- Ekuqhelaneni komzimba nesiyobi-
leyo kwindlela ezenzelwe yona okanye si eso (ukusinyamezela),ukungakwazi
okanye ukusetyenziswa kweziyobisi kuzilawula (ukuzikhwebula), ukusise-
esingekho mthethweni; benzisa kakhulu kunesiqhelo isiyobisi
eso (umnqweno ongamandla umd-
Ukuzisebenzisa ngendlela enga- la omkhulu wokusisebenzisa, iinzima
nobungozi kwandisa amathuba okuba ekulawuleni indlela umntu asisebenzi-
umntu ozisebenzisayo azibhaqe kufu- sa ngayo, umnqweno okanye iinzame
neka ejamelene neziphumo ezingentle ezingabi nampumelelo zokwehlisa iz-
kuye; inga okanye zokulawula ukusisebenzi-
sa);

Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 7


Ukubonakala – isiyobisi sithath’ ulawu-
lo (ixesha elininzi lichithwa kufunyan-
wa okanye kukhangelwa okanye
Iimpawu
kusetyenziswa
ukuphuma
okanye
kwifuthe laso,
kuzanywa
ukunga-
ezixhaphakileyo
hoywa tu kwezinye iindlela zokuzon- zokuzilahlela
wabisa nebezithandwa okanye iint-
shukumo ebezibalulekile kwakunye Kwiziyobisi
nokusetyenziswa kwaso kungaphun-
yulwa noxa bucacile ubungqina boku- Uziyekelele ngoku kwiziyobisi. Xa
ba siyamgqiba umsebenzisi lowo). kufuneka ufumane umlinganiselo
Ezi nkcukacha zivela: kwiSebe Lempilo kwiNtshona Koloni omkhulu ukuze uqhunywe ngohlo-
bo obuqhele ukuqhunywa ngalo.

Usebenzisa iziyobisi ngenjongo


Omawukukhangele yokususa iintloni okanye umkhwa
wokuzikhwebula ebantwini. Ukuba
uthathe ikhefu elide ungaziseben-
Wazi xa kundawoni ukuba ungabe zisi iziyobisi uzibhaqa usiba neem-
unengxaki? pawu ezifana nesiyezi, ukungazinzi,
ukungabi nabuthongo, ukuxhwale-
Awusayihoyi imisebenzi yakho esi- ka ngokwasemphefumlweni, ukubi-
kolweni, emsebenzini, okanye ekhay- la, ukungcangcazela nenkxalabo.
eni (awuzingeni iiklasi, awuphangeli,
awubahoyi abantwana bakho) ngenxa Awusakwazi kuzilawula ekuseben-
yokusebenzisa kwakho iziyobisi.
ziseni iziyobisi. Usoloko uziseben-
Usebenzisa iziyobisi phantsi kweeme- zisa yaye usebenzisa ngaphezu
ko ezingakonzakalisa okanye uzibeka kwezicwangciso, noxa ubuzixelele
emingciphekweni xa uqhunyiwe, ezi- ukuba awusoze. Ungabe uyafuna
fana nokuqhuba uqhunyiwe, useben- ukuyeka kodwa uzive ungenaman-
zisa iinalati ezingacocekanga okanye dla oko.
wabelana nge sondo ngaphandle
kokuzikhusela. Ubomi bakho burhangqwe
kukusetyenziswa kweziyobisi. Utha-
Ukusebenzisa kwakho iziyobisi kuk- tha ixesha elide usebenzisa futhi uc-
ufaka kwiinkathazo ekhayeni na- inga ngeziyobisi, uzama ukufuma-
kumthetho, ezifana nokubanjelwa
ukungaziphathi ngendlela, ukuqhuba nisa ukuba ungazifumana njani na
uphantsi kweempembelelo okanye nokuba ungaziyeka njani na.
uyeba ukuze ube nokondla esi sidingo
sakho seziyobisi. Uziyekile izinto obusoloko usonwa-
bela ukuzenza ezifana nemidlalo
Ukusebenzisa kwakho iziyobisi kuk- nokuba kunye nabantu, ngenxa yalo
ufaka ezingxakini kubantu onobud- mkhwa wokusebenzisa iziyobisi.
lelwane nabo, ezifana nokuqala imi-
lo neqabane lakho okanye namanye Uyaqhuba nokusebenzisa iziyobisi
amalungu osapho. noxa usazi nje ukuba ziyakonzaka-
lisa. Zikuphathela iingxaki ezinkulu
ebomini bakho –, izigulo, ukutshint-

8 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo


sha-tshintsha isimo, ukuxhwaleka
ngokwasemoyeni, ukusoloko uso-
yika – kodwa uyazisebenzisa noxa
kunjalo.

Apho lukhoyo uncedo


ISebe loPhuhliso loLuntu:
0800 220 250

INkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika:


0860 10 111

ISixeko saseKapa:
0800 435 748

ISebe leMpilo:

Inombolo yoNcedo yaseStikland:


021 940 4500 (eyokukhutshwa kotywala emzimbeni) kunye no-021 940 4496 (eyeyamachiza okunciphiza
iintlungu)

OKANYE
Uqhakamshelane neyona Ofisi yeSebe loPhuhliso loLuntu ikufutshane nawe:
kwiMetro ekuMantla: 021 483 7689

kwiMetro ekuMazantsi: 021 763 6200

kwiMetro ekwiMpuma: 021 360 4200

Kunxweme olukwiNtshona: 022 713 2272

kwi-Eden-Karoo: 081 588 9118

kwiWinelands-Overberg: 023 348 5300

OKANYE
isikhundla somnxeba wesinqe seSebe Sophuhliso Loluntu:
https://www.westerncape.gov.za/substance-abuse/

Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 9


Ikhwelo lokusukuma – Yintoni
onokuyenza?
Xa abazali okanye isihlobo sizama ukulwisana nemingeni yokusebenzisa okanye
ukushishina ngeziyobisi kulowo usenyongweni usebenzisa iziyobisi okanye utywala
ngendlela enganobungozi, baye bazive belahla ithemba.
Umntu ke ngoko kufuneka azifundise ngaphambi kokuba abe nokukwazi
ukunceda omnye.

Umntu uqala ndawoni ukuyisombulula


le ngxaki?
Ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi ngendlela enganobungozi zinganeziphu-
mo ezimbi kakhulu. Amaxesha amaninzi ke ezo ziphumo ziye zidinge nomnye
umntu ngaphandle kwalowo usebenzisa iziyobisi ukuze zisombululeke. Kun-
gadingeka intshukumo ebhadlileyo nesezingqondweni yosapho ngokubanzi
ukuze kube nokulwiswana naloo mngeni ngempumelelo. Eyona ndawo iyiyo
yokuqala kusekuqaleni. Nazi iingcebiso ezimbalwa ngokuba ungayiqala phi
inkqubo yokusombulula le ngxaki.

Zixhobise ngolwazi wena nabanye ngeziphumo nefuthe elihle nelibi lamachiza,


umngcipheko wokuzisebenzisa nokuba zeziphi na izibonelelo ezifikelelekayo.
Fumana iibrowutsha kwiklinikhi yakho, kugqirha wakho, imibutho engekho
phantsi kolawulo lwaseburhulumenteni okanye kwi-intanethi.
Yenza izigqibo unolwazi ngokusebenzisa kwakho iziyobisi eziguqula isimo
sakho, (umzekelo, phola ze uzonwabise ngaphandle kokusebenzisa utywala,
icuba okanye iziyobisi eziguqula isimo sakho), ze usombulule naziphi na iingx-
aki onokuba nazo.
Ncokola ngokusetyenzizwa kotywala nezinye iziyobisi ngokuphandle naban-
tu abohlukeneyo (ungabe uyicikozela, ugxeka okanye udiza amagama abantu.
Bayeke abantu bazicacise izimvo zabo, yabelana nabo ngezakho izimvo kwa-
nokuba kutheni na ucinga njalo nje.)
Qwalasela iziphumo ezichaza indlela engayingxaki yokusetyenziswa kweziyo-
bisi eziguqula isimo kubantu abakungqongileyo.
Zibekele imida ecacileyo ngokusebenzisa komnye umntu iziyobisi kwakunye
neziphumo zoko kuwe ze uthabathe izigqibo ngeziphumo onako nofunayo
ukumelana nazo, ukuba ithi ingaphucuki indlela aziphethe ngayo.
Nyaniseka, caca ze ubonakalise inkathalo kumntu osebenzisa iziyobisi, utsho
ukuba zikuchaphazela njani na iintshukumo okanye indlela aziphethe ngayo
kwanemida ozibekele yona.
Nikezela inkxaso eyakhayo kumntu osebenzisa iziyobisi ngokuthi unikezele
ngeenkcukacha ngeendlela zokungenelela kwakunye namacebo okufikelela
kunyango, ukuba uthi akhethe ukufuna uncedo.

10 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo


Mayifane indlela obonakalisa ngayo imida yakho kwakunye neziphumo zayo.
(Zilungiselele ukuphulukana nokuthandwa nguloo mntu ixeshana. Musa ukuzi-
beka ityala ngezigqibo zakhe ezingatshuzanga. Oku akukwenzi mntu mbi.)
Zihlole. Zama ukuziqwalasela uzazi iindlela onokuba wenza kube lula ngayo
ukuba ziqhube zisanda ezi ngxaki.
Fumana inkxaso uzincede – mhlawumbi uyakufumana nothotho lwabanye
abakwimeko efana neyakho. Zimanye neqela lenkxaso.
Ezi nkcukacha zikhutshwe © yiCape Town Drug Counselling Centre, ngo2007

Inkolelo engeyonyaniso neeNyaniso


ngokusetyenziswa kotywala/
kweziyobisi ngendlela enobungozi
Inyathelo lesibini kukwazI, ze ukhabele kude ubuvuvu nezizathu ezifileyo
ezinikezelwa ngumsebenzi okanye umsebenzisi-gwenxa ukuzama ukucacisa imeko
yakhe okanye njengesithembiso seentshukumo.

INKOLELO ENGEYONYANISO 1: INKOLELO ENGEYONYANISO 3:


Ukulwisana nokusebenzisa gwenxa Abantu abasebenzisa iziyobisi noty-
iziyobisi kudinga nje ukufuna komn- wala gwenxa kufuneka bade babe
tu. ‘ungayeka ukusebenzisa iziyobisi phantsi ngokupheleleyo ukuze babe
ukuba ufuna ngokwenene nokuba ngcono
INYANISO: INYANISO:
Ukusetyenziswa kweziyobisi noty- Unyango nokuba ngcono kun-
wala ixesha elide konzakalisa ubu- gaqala nakweliphi na ibakala
chopho. Ezi nguqu ebuchotsheni lokusetyenziswa gwenxa kwezi-
zingakwenza kube nzima kakhulu yobisi . ukuqala kuselithuba kuy-
ukuziyeka ngokwamandla omse- anceda. Ukuba umntu uzisebenzisa
benzisi nje kuphela. gwenxa ixesha elide, kuzakuba nzin-
yana ukunikezelwa konyango. Musa
ukulinda, shukuma kwangoko.

INKOLELO ENGEYONYANISO 2:
Ukuzilahlela sisigulo; akukho ingen- INKOLELO ENGEYONYANISO 4:
ziwa ngaloo nto. Akunakho ukumnyanzela umntu
INYANISO: ukuba afumane unyango. Kufuneka
Ewe ukuzilahlela siso isigulo, kodwa abe yena kuqala uyalufuna unyan-
oko akuthethi ukuba ulixhoba elin- go.
genakuba nathemba. Ukuzilahlela INYANISO:
kunganyangeka yaye kungalungiswa Akudingeki ukuba unyango lude
ngonyango, amayeza, ukuzilolonga
nezinye iintlobo zonyango.
kuyaQhubeka kwiphepha 12 >

Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 11


lube lufunwe lixhoba ukuze lube INKOLELO ENGEYONYANISO 5:
yimpumelelo. Umntu onyanzelweyo Alukhange lusebenze unyango nga-
ekuzifumaneleni unyango angazuza phambili, akukho sidingo sakuphin-
ngohlobo olufanayo nalowo uzifu- da luzanywe. Ezinye iimeko ziba
neleyo. Iingcebiso malunga nokuba mbi kakhulu.
ungenza njani umntu athatyathwe INYANISO:
liziko lonyango, nokuba sele enga- Ukubuyela kwisimo sesiqhe-
funi yena, luyafumaneka ngezantsi. lo emva kokuxhaphaza iziyo-
bisi yinkqubo ebande. Iye ibe
namakhwiniba. Ukubuyela kom-
ntu kwiziyobisi emva kokuba
sele iqaliwe le nkqubo akuthethi
ukuba unyango alusebenzan-
ga okanye alubanga yimpu-
melelo. Musa ukulahla ithemba.

Xa umntu elwala uncedo lwakho


Amaxesha amaninzi umzali, ilungu losapho okanye umhlobo uye aphakame azame
ukunceda umntu osenyongweni kuye othi azibhakaxe ekusebenziseni iziyobisi
gwenxa nokwaziphatha ngendlela enganobungozi, kodwa mhlawumbi angaphu-
meleli.

Yintoni onokuyenza xa engakuhoyi okanye


engabonakalisi kuzibona iinzame zakho zokumnceda?
Ukuba umntu lowo ukhangeleka engazinzanga okanye ebuthathaka ngok-
wasengqondweni (umzekelo, esiva amazwi, ezoyikisela, ekholelwa kwizinto
ezingekhoyo, njalo-njalo) yaye engayingozi kuye nakwabanye, kufuneka oko
kuqinisekiswe ngokwemigaqo yomthetho iMental Health Care Act.

Intshukumo edingekayo:

Kule meko, kudingeka ukuba umntu asiwe kwesona sibhedlele sikufutshane


naye ze kucelwe uncedo.

Ukuba uyala ukuya kwisibhedlele, ungabiza amapolisa uwacele ukuba amse


apho.

Ukuba amapolisa awabonakalisi mdla wakunceda (eyinto ekhe yenzeke leyo),


ungaya kwisibhedlele esikufutshane nawe ufumane iMHCA 04 Form uyitha-
the uyise kwi-Ofisi Yesikhulo seSAPS.

Kule meko iSAPS inyanzelekile ukuba imse kwesona sibhedlele sikufutshane


naye ukuze aye kufumana uhlolo.

12 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo


Ukuba kuye kufumanise ukuba iziyobisi zingunobangela wendlela aziphethe
ngayo kwaneminye imikhuba yakhe (umzekelo, uba nobundlobongela
aphume izithuba xa eqhunyiwe, enyanzelisa ukufumana imali yokufumana
iziyobisi, njalo-njalo), anganyanzeliswa ukuba aye kufumana ukunyangel-
wa iziyobisi ngokwemigaqo yomthetho iSubstance Dependence Act.

Kufuneka agcinwe apho.


Kufuneka uye kwi-Ofisi kaMantyi ekufutshane nawe ze wenze intetho efungel-
weyo ngale meko. Ze use loo ngxelo ifungelweyo kwi-ofisi yeSebe loPhuhliso
loLuntu ekufutshane nawe ukuze yenze intshukumo.
Inde ke le nkqubo yaye idlula enkundleni yaye ingathabatha iinyanga, kodwa ke
ingcono kunokuba uyiyeke imeko iya isiba mbi ungenzi nto.

Ukuba uthi enze intshukumo yolwaphulo-mthetho (nokuba kungenxa


yokusebenzisa kwakhe iziyobisi okanye akunjalo), uzakunikwa uxanduva
lokubekwa ityala ngayo.

Ukuba uthi enze intshukumo yolwaphulo-mthetho ngenxa yokugula ngok-


wasengqondweni, kukho inkqubo apho izigulana zisiwa kuhlolo eValkenburg ze
bafumane unyango lwengqondo olusisinyanzeliso.

Ukuba kungenxa yokuzilahlela kwakhe kwiziyobisi, ijaji ingamgweba ngokwemi-


gaqo nemiqathango yeSolotya 296 lomthetho iCriminal Procedure Act ka-1977,
ukuba aye kufumana ukunyangelwa iziyobisi ngenkani, ukuba igosa loluleko lithi
licebise njalo.

Ukuba akukho nenye kwezi zinkhankanywe ngentla apha kwezi zizathu ze enze
intshukumo yolwaphulo-mthetho, kuyafuneka uqwalasele umba wokuba uyafuna
na aqhube esinda njalo, okanye afunde ngokungena amelane neziphumo zendlela
aziphethe ngayo.

Ngelishwa ke, ummoshi lowo angaphela esiba nerekhodi lolwaphulo-mthetho futhi


angazibhaqa eqamela ngenqindi ejele, engayinto engentle kwaphela leyo.

... angaphela esiba nerekhodi lokuba


sisaphuli-mthetho futhi azibhaqe sel’ eqamela
ngenqindi ejele, ....

Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 13


Ukuba umntu lowo usebenzisa gwenxa iziyobisi unamaxesha okuba nobun-
dlobongela (ubundlobongela basekhayeni); ungawufumana uMyalelo
oMthintelayo yaye kunyanzelekile ukuba amapolisa athabathe intshukumo
ze amsuse apho.

Umntu angakwazi nokufaka isicelo soMyalalelo woKhuseleko ngaloo mntu umxhap-


hazayo ngenjongo yokunqanda oko kuphathwa gadalala kumaxesha azayo.

Ingcebiso: kukuphakama ukuze usombulule ingxaki ze ukhusele wena kunye nosa-


pho lwakho.

Oko kuyamnceda nalawo usebenzisa gwenxa iziyobisi, ekuhambeni kwamaxesha.


Ikhutshwe nguGqirha Weich weMRC, ngo-2009

Ukusetyenziswa kweziyobisi notywala obuyingozi


kunye nomthetho
Izikhokelo nemimiselo yomthetho, imithetho elawula ukusetyenziswa, uku-
thengiswa, ukufikeleleka nokuhlalutywa kweziyobisi ezisemthethweni nez-
ingekho mthethweni; indlela yokuziphatha namalungelo abo bazikhupha-
yo, bazisebenzisayo, bazisebenzisa gwenxa nabangamaxhoba ngenxa yoko
kusetyenziswa gwenxa kwazo aqulethwe kuthotho lwemithetho, imigaqo
nemimiselo.

Ngezantsi apha uyakufumana izikhokelo ezimbalwa ngokusetyenziswa gwenxa


kweziyobisi notywala obunganobungozi kwakunye nomthetho.

Isishwankathelo ngoMthetho iPrevention &


Treatment for Substance Abuse Act 70 ka-2008
Ingcaciso

Injongo yomthetho iPrevention of and Treatment for Substance Abuse Act 70 ka-
2008 kukubonelela ngesikhokelo esisiso nesifanayo sempendulo enye yeziswe
kumkhwa wokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kwanokuza namacebo ajoliswe
ekunciphiseni isidingo kunye nomonzakalo kumkhwa wokusetyenziswa gwenxa
kweziyobisi ngokungenelela, unyango kwakunye nokunikezela ngeenkqubo
zokubuyisela amaxhoba kwimo kwiingingqi zabo okuhlala nakwisimo sesiqhelo
ndawonye nokubonelela ngesikhokelo sokubhaliswa nokusekwa kwamaziko
anyangela iziyobisi ndawonye nemizi yoncedo olukhawulezileyo.

Izizathu

Ishishini leziyobisi lande kakhulu kwihlabathi ngokubanzi yaye zifikeleleka lula.

14 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo


Ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kwenyuke kakhulu eMzantsi Afrika.
UMzantsi Afrika uyaqhuba nokulwisana nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi
ngokweenkqubo ngenjongo yokunciphisa iintengiso, isidingo kwanokwenzakala
okudalwa ngulo mkhwa.
Kudingeka imithetho efanayo yokujongana nokuthintela nokunyangwa komkhwa
wokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kwakunye nomenzakalo ongumvuka wako.
Qinisekisa ukuba iinkonzo zizezisemgangathweni yaye zihambelana nobudala
babantwana nolutsha olo.
Kuhlonitshwe amalungelo emibutho ezinikezela iinkonzo kwakunye nabantu
abachatshazelwa kukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi yokunikezela imvume
ebhalwe phantsi yokuthabatha inxaxheba kulo naluphi na uphando oluchaphazela
unyango nokubuyiselwa kwabo kwisimo sesiqhelo; kwaye
Kuhlanganiswe izidingo zemfundo zabantwana nesebe lemfundo abaphantsi
kwalo.
Kujoliswe ekunikezelweni kweenkonzo ezisebenzayo, ezisemgangathweni, ezithe
ngqo nezinefuthe elibonakalayo.

Injongo yokunikezela iinkqubo zothintelo

Injongo yeenkqubo zothintelo kukuthintela umntu ekubeni asebenzise okanye


aqhube nokusebenzisa iziyobisi ezinokukhokelela ekuzisebenziseni gwenxa okanye
zikhokelele ekuzilahleleni kuzo.

Iinkqubo zothintelo kufuneka zijolise:

Ekulondolozeni isimo sosapho lwalo mntu uchatshazelwa kukusetyenziswa


gwenxa kweziyobisi kwakunye nabo bazilahlele kwiziyobisi.
Ekuqulunqeni izakhono ezizizo zokuba ngumzali kwiintsapho
ezisemngciphekweni.
Ekudaleni ulwazi nasekufundiseni uluntu ngobungozi kwaneziphumo
zokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.
Ekufakeni abantu abatsha kwezemidlalo, kwezobugcisa ndawonye
neentshukumo zokuzonwabisa kwanokuqinisekisa ukusetyenziswa kakuhle
nangendlela eyakhayo kwexesha ebelingazukwenziwa nto
Iinkqubo zokufundisana kwabantu abatsha.
Ekuxhobiseni abazali neentsapho ukuqwalasela iimpawu ezilumkisayo
kumba wokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kwanokubaxhobisa ngolwazi
ngeendlela ezizizo zokuphendula kwakunye neenkonzo ezikhoyo
Ekuxhobiseni uluntu ekuhlaleni ukuze baqonde ze babe nokuphakama
balwisane nemingeni yokusetyenziswa kweziyobisi, kwakunye
nokuthungelana kwako nolwaphulo-mthetho, intsholongwane kaGawulayo
noGawulayo kunye nezinye izigulo.

Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 15


Iinkonzo eziSekelwe kuLuntu ekuHlaleni

UMthetho onika umkhomba-ndlela ngokubhaliswa kweeNkonzo eziSekelwe


ekuHlaleni eziquka iinkqubo zonyango ezisekelwe ekuhlaleni ekufuneka zihambelene
Nemimiselo Nemigaqo Engundoqo yalo Mthetho.

Iinkonzo zoNyango

Lo mthetho unika isiboneleo sokusekwa nokubhaliswa kwamaziko oluntu nawabucala


onyango ngenjongo yokunikezela ngeenkonzo zokunyangela ngaphakathi.

Akukho mntu uvumelekileyo ukuba aqhube iziko lonyango ngaphandle kokulibhalisa


ngokwemigaqo ka-Act 70 ka-2008.

Iinkonzo zaseMva koNyango kwanezo zokuBuyiselwa eLuntwini

UMphathiswa kufuneka, ngokusebenzisana nabanye abaphathiswa kunye


namaqumrhu ombuso, baqulunqe iinkqubo zonyango lwasemva konyango
nezokubuyiselwa eluntwini ezijoliswe ekubuyiselweni ngempumelelo eluntwini
komntu obesebenzisa inkonzo leyo, abasebenzi kunye nempilo yosapho
neyasekuhlaleni.

Iinkonzo ezihlanganisiweyo kufuneka ziquke iinkalo:

Zivumele abasebenzisi bezi nkonzo ukuba basebenzisane, bancokole nabanye,


kwane ntsapho zabo kunye noluntu ngokubanzi.
Zivumele abasebenzisi beenkonzo ukuba babelane ngamava okuhlala bethe qwa
besezingqondweni.
Kuphakanyiwe ukuhlangana nokusebenzisana kweqela labasebenzisi benkonzo.
Zisekelwe kwiinkqubo ezinesiseko esisiso.
Zivumele abasebenzisi benkonzo ukuba bazikhwebule kumkhwa wokusebenzisa
gwenxa iziyobisi.

Amaqela enkxaso

Abasebenzisi beenkonzo kunye nabantu abachaphazelakayo ekusetyenzisweni


gwenxa kweziyobisi, njengoko kuthiwe thaca, bangaseka amaqela enkxaso ajolise
ekunikezeleni inkxaso ehlanganyelweyo neqhubayo kubasebenzisi beenkonzo
kwindlela yabo eya ekubuyeleni ezingqondweni.

Injongo yokusekwa kwamaqela enkxaso:

Kukunikezela amava ngokhuseleko nokuphila ngokucocekileyo apho abasebenzisi


beenkonzo bangalungiselela izakhono zokuzibuyisela eluntwini.

Kukukhokela iinzame zokufikelela kwabasebenzisi beenkonzo kubantu


abasabuyela eziseqondweni okanye abasele beyekile ukusebenzisa gwenxa
iziyobisi nabanokuba yimizekelo kubasebenzisi beenkonzo abasaqalayo

16 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo


kwanabo sele bephakathi kwezi nkqubo. Amaqela enkxaso angasekwa kwinkalo
yoluntu ekuhlaleni yimibutho enezakhono, imibutho engekho phantsi kolawulo
lwaseburhulumenteni okanye iqela labasebenzisi beenkonzo okanye abantu
abachatshazelwayo kukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.

Iintshukumo zolwaphulo-mthetho
ezingumvuka weziyobisi

ISahluko 5 somthetho iMisuse of Drugs Act ka-1971 kunye nomthetho iDrugs


and Drug Trafficking Act Nombolo 140 ka-1992 zezona zikhokelo ziphambi-
li zomthetho kumba wokusetyenziswa, ukusetyenziswa gwenxa, ukushishina
ngechiza elithatyathwa njengesiyobisi esinganobungozi eMzantsi Afrika.

Ukufunyanwa unesiyobisi esiphantsi kolawulo


Kululwaphulo-mthetho ukufunyanwa Umntu lowo uyazi ukuba ‘ikho loo
unesiyobisi esiphantsi kolawulo (Jonga: nto’. Umntu lowo kufuneka azi ngo-
iShedyuli yeziyobisi kwezinye iindawo) bukho beso siyobisi yaye kufuneka
ngaphandle kokuba uvumeleke ngok- azi ukuba eso siyobisi sisiyobisi esi-
wephepha-mvume okanye ke ukuba phantsi kolawulo.
ubungazi ukuba isiyobisi eso sisiyobisi
esiphantsi kolawulo Kufuneka eso siyobisi sibe sesiph-
antsi kolawulo. Ngoko ke, ukuba
Zintathu iinkalo ezenza ulwaphu- umntu lowo ebekholelwa ukuba
lo-mthetho xa umntu efunywe mhlawumbi uphethe intsangu kanti
ephethe eli chiza: ayiyiyo tu ngamagqabi eti, akukho
lwaphulo-mthetho lwenziweyo.
Isiyobisi eso sisemntwini okanye si-
phantsi kolawulo lwaloo mntu. Isiyo- (Ukuba umtyholwa ukwazi ngoko
bisi kufuneka sibe sifunyanwa sikuye nangoko ukunikezela ubungqina
okanye phantsi kolawulo lwakhe. bokuba ebezakusitshabalalisa eso
Oku kungaquka ukuba ube semzini siyobisi okanye asinike umntu one-
womnye umntu ongekhoyo ngelo gunya lokuba naso ngokomthetho,
xesha kodwa onolawulo lwaloo mzi. obo bungqina bungathatyathwa
njengesikhuselo kweso sityholo).

Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 17


Ukufakwa izityholo kwiqela
Ngokuxhomekeke kwiimeko zetyala elo, ningabekwa isityholo sokufunyaniswa
nesiyobisi ninomnye/nabanye abantu.

Umzekelo, kwimeko apho iqela labantu libanjwa lihamba ngesithuthi esineziy-


obisi. Ukuba kuyakwazi ukuziwa nobungqina bokuba bonke bebenolwazi yaye
benolawulo ngezo ziyobisi, bonke ke bangafunyaniswa benetyala lokufunyan-
wa nezo ziyobisi.

Indima yeSAPS ekupheliseni umkhwa


wokuysetyenziswa gwenxa nangendlela
enganobungozi kweziyobisi

Inkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (iSAPS) yiyo ekhokela isicwangciso-qhinga


sokulwisana, ukunciphisa nokuthintela, ndawonye nothotho lwamanye amasebe
aquka iSebe leMpilo, eloPhuhliso loLuntu neleMfundo.

Uluntu luye luthembele kwiSAPS xa kufuneka ‘kwenziwe intshukumo’ ngenkolelo


yokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi, ukushishina ngazo nezinye iimeko zolwaphu-
lo-mthetho ezinento yokwenza nazo nokusetyenziswa ngokungekho mthethweni
okanye ukushishina ngazo ngokungekho mthethweni nezinye nje iziyobisi. Kodwa
ke uninzi alukayazi indima namagunya.

Kwinkalo yomthetho, iSAPS iphantsi kolawulo yaye ikhokelwa siSahluko 11 somthetho


iDRUGS AND DRUG TRAFFICKING ACT NOMBOLO 140 KA-1992

kwiSahluko 11 somthetho Act 40 ka-1992 amagunya eSAPS athiwa thaca njengala alandelayo:

1. Igosa lasebupoliseni linga:


(a)Ukuba linazo izizathu zokurhanela ukuba kuthe kophulwa umthetho okanye kukho ulwaphu-
lo-mthetho olunokwenziwa okanye olunokwenzeka ngokwemigaqo yalo Mthetho ngokwesiy-
obisi esiphantsi kolawulo okanye esikwishedyuli, esinye nje isiyobisi okanye impahla, nangaliphi
na ixesha:
(i)lingangena okanye likhwele ze lenze ugqogqo kweso sakhiwo, kwisithuthi okanye kwiiphenyane
okanye kwinqwelo-moya apho kurhanelwa ukuba kungakho isiyobisi esithile;
18 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo
(ii)lenze ugqogqo kwikhonteyina okanye enye nje indawo okanye into ekurhanelwa ukuba eso siy-
obisi sithile, okanye impahla ethile ingafumaneka;
(b)ukuba unazo izizathu ezibambekayo zokurhanela ukuba ubani wenze okanye uzakwenza is-
enzo solwaphulo-mthetho phantsi kwemigaqo yalo Mthetho ngokusebenzisa isiyobisi esiphantsi
kweshedyuli, isiyobisi okanye impahla , lingenza ugqogqo okanye linikezele igunya logqogqo ku-
loo mntu okanye nantoni na afunyenwe enayo okanye ephantsi kolawulo lwakhe:
Ngokommiselo wokuba umntu obhinqileyo uyakumpampathwa emzimbeni
lelinye ibhinqa kuphela:
(c)Ukuba linezizathu ezibambekayo zokurhanela ukuba nantoni na ethi ithunyelwe ngeposi iqule-
the isiyobisi esikwishedyuli, isiyobisi okanye impahla phantsi kwemigaqo yalo mthetho apho
kwenziwe khona isenzo solwaphulo-mthetho; noba kunjalo, uye athathe okanye athumele uku-
ba kuthathwe, xa usesithubeni uhanjiswa loo mthwalo, ze uthatyathwe uvulwe phambi kwakhe
nabani onokuba segunyeni lokubona;
(d)acuphe nabani na othi kwezakhe izimvo abe unakho ukunikezela ngazo naziphi na iinkcukacha
ngalo naluphi na ulwaphulo-mthetho okanye isikrokro seso senzo phantsi kwalo mthetho;
(e)afune nakubani na onerejista okanye olawula nayiphi na irejista, irekhodi, okanye amanye amax-
webhu othi ngokwezimvo zelo polisa abe anganefuthe lolwazi ngolwaphulo-mthetho okanye
isikrokro sesenzo solwaphulo-mthetho, ukuba amnike ngoko nangoko, okanye angenise kuye
ngelo xesha nalapho njengoko lisitsho ipolisa elo, nokuba yeyiphi na loo rejista, irekhodi okanye
uxwebhu;
(f)ahlole nayiphi na loo rejista, irekhodi okanye uxwebhu okanye kwenziwe isahlukwana apho
okanye ikopi yayo, ze kufunwe nakubani na ingcaciso ngengeno elikuloo rejista, irekhodi okanye
uxwebhu;
(g)ohluthe nantoni na athi ayibone inento yokwenza, okanye inokunika ubungqina, ngokwaphul-
wa kwemigaqo yalo Mthetho.
2.Phantsi kwemigaqo yesi sahluko, igosa lasebupoliseni linga:
(a)linganyanzelisa ukuba nasiphi na isithuthi, iphenyane okanye inqwelo-moya imiswe; okanye,
(b) acele umqhubi, umqhubi wenqwelo-moya okanye umnini walo naliphi na iphenyane okanye
inqwelo-moya ukuba lihanjiswe okanye libhajiswe lisiwe kwelo zibuko okanye kweso sikhululo
seenqwelo-moya njengoko lisitsho igosa lasebupoliseni.
ISahluko 12: ukungcanjaziswa kwabantu abaphantsi komyalelo wokuba bavalel-
we:
(1)Nanini na apho kubonakala kumantyi ngokweenkcukacha ezinikezelwe kuye njengobungqina
phantsi kwesifungo esibhaliweyo sikamtshutshisi oyintloko, ukuba kukho izizathu ezibambekayo
zokukholelwa ukuba umntu othile ufihla iinkcukacha ezithile ngeziyobisi ngolwaphulo-mthetho
olubandakanya iziyobisi, nokuba olo lwaphulo-mthetho sele lwenziwe okanye kurhanelwa
ukuba lusacetywa phakathi kwimida yoMzantsi Afrika okanye kwenye indawo, ukusuka kuloo
mtshutshisi uyintloko, loo mtshutshisi uyintloko okanye naliphi na igosa lasebupoliseni, ngok-
wemeko leyo, angasikhupha isigunyaziso sokubanjwa kuvalelwe umntu othile.
(2)Kuyo yonke ke into ephikisana nomthetho okhoyo, nabani na othi abanjwe avalelwe ngokomy-
alelo wokubanjwa njengoko kuthiwe thaca kwicandelwana (1) uyakuthi athatyathwe asiwe ku-
loo ndawo ichazwe kuloo myalelo kwangoko, okanye kwenye indawo anokuthi umantyi abone

Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 19


ifanelekile ngokwamaxesha, ukuze angcanjaziswe ngokwemigaqo yezigunyaziso, ukuba zikho,
ekhutshwe ngumantyi ngokwamaxesha.
(3)Nabani na othe wabanjwa wavalelwa ngokomyalelo wokubanjwa njengoko kuthiwe thaca kwi-
candelwana (1) uyakubanjwa de umantyi anikezele umkhomba-ndlela wokuba akhutshwe xa ek-
holisekile ukuba umntu lowo uphendule ngendlela kuyo yonke imibuzo ayinikiweyo ngethuba
lokungcanjaziswa okanye akukho njongo iyiyo inokubakho anokuyigcinelwa yona: abe ke nomt-
shutshisi oyintloko lowo anganikezela umkhomba-ndlela wokuba ibanjwa elithile likhululwe
okanye liyeke ukungcanjaziswa, apho elo banjwa ke liyakukhululwa ngaphandle kokulibaziseka.
(4) (a)Nabani na othe wabanjwa phantsi kwemigaqo yomyalelo wokubanjwa okwicandelwana (1)
uyakuthi asiwe kuvela kumantyi kwisithuba seeyure ezingama-48 emva kokuba ebanjiwe ze
emva koko kungabi ngaphantsi kunakanye rhoqo emva kweshumi leentsuku.
(b)Umantyi uyakuthi rhoqo lowo xa avela phambi kwakhe abuze ukuba uphendule ngokukholiseki-
leyo na kuyo yonke imibuzo abethe wayinikwa ngethuba engcanjaziswa kwanokuba ikho na
into enokutsitsa xa ukuba uthi avalelwe.
(c)Loo mntu ke kuyakufuneka afumane uncedo xa evela phambi kukamantyi ligqwetha lakhe. Naba-
ni na ke othi avalelwe ngokweli candelo angathi nanini na abhalele umantyi malunga nokuvalel-
wa okanye nokukhululwa kwakhe.
(5)Nabeni na ke othi avalelwa ngokweli candelo angathi nanini na abhalele umantyi malunga noku-
valelwa okanye nokukhululwa kwakhe. Akukho mntu, ngaphandle kwegosa lombuso, owenza
umsebenzi wakhe wombuso-
(6)Akukho mntu, ngaphandle kwegosa lombuso, owenza umsebenzi wakhe wombuso:
(a)Unokufikelela kumntu ovalelwe ngokweli candelo, ngaphandleni kokuba ufumene imvume ka-
mantyi, ze abe oko ukwenza phantsi kwemiqathango njengoko enokubona kuyimfuneko yena
mantyi: phantsi kwengqwalasela yokuba umantyi –
(i)angayala loo mvume kuphela xa enesizathu sokukholelwa ukufikelela kumntu obanjiweyo kuyak-
uphazamisana nalo naluphi na uphando olusaqhutywa ngamapolisa;
(ii)akanakuyala loo mvume kwigqwetha elityelela loo mntu uvalelweyo ngenjongo yokumnceda
njengoko kuthiwe thaca kwicandelwana (4) (c); okanye
(b)uyakuba nelungelo lokufikelela kuzo naziphi na iinkcukacha ezinento yokwenza okanye ezi-
funyenwe kulowo uvalelweyo.
(7)(a) nabani na oseluvalelweni ngokwemigaqo yeli candelo –
(i) uyakuthi ngoko nangoko afumane ukuhlolwa ngugqirha woqhaqho wesithili; ze
(ii)kanye rhoqo kwisithuba seentsuku ezintlanu afumane utyelelo kugqirha woqhaqho, ze loo gq-
irha woqhaqho uyakuthi kwangoko aqulunqe ingxelo ngotyelelo ngalunye ze ayingenise kum-
antyi.
(b)umantyi, ukuba unesizathu sokukholelwa ukuba oko akuyi kuphazamisana nabungqina bamap-
olisa busaqhubayo, anganikezela kwibanjwa elithile elithe lacela ikopi yayo nayiphi na ingxelo
ekhankanywe kumhlathi (a) kumntu owalathwe lelo banjwa.

20 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo


Iziphumo zomthetho zolwaphulo-mthetho olunento
yokwenza neziyobisi
Nabani na othe wafunyanwa enetyala elayamene neziyobisi okanye utywala
uyakuba nerekhodi lokuba sisaphuli-mthetho eMzantsi Afrika kunye naphi na
ehlabathini.
Oku akuthethi nto ngobuncinci okanye ubuzaza belo tyala, ukuba umn-
tu wayelenze nini okanye mhlawumbi ukuba oko kwakhokelela kwisohlwayo
okanye ukuvalelwa, uyakuba nerekhodi lokuba sisaphuli-mthetho qha.
Oku ke kuyakuphazamisana nezinto ezininzi ebomini bakho, ekuhambeni kwa-
maxesha. Oku kungasusela ekungakwazini ukuya kumazwe athile, ukufumana
ingqesho, xa sichaza nje ezimbalwa.
Iziphumo zezomthetho zokubanjwa uvalelwe ze ugwetywe kwintshukumo yol-
waphulo-mthetho enento yokwenza neziyobisi ziyakukuxhaphaza ubomi bak-
ho bonke.

Iziyobisi ezichazwa ngokweeshedyuli


Zikho iziyobisi ezinokwenziwa ze zithengiswe ngendlela esemthethweni kwanang-
abathengisi abasemthethweni. Imimiselo elawula ezi ntlobo zezomthetho iSchedule
of Drug as per the Drugs and Drug Trafficking Act Nombolo 140 ka-1992.

Zimbini iishedyuli.

iShedyuli yokuQala ithetha ngamachiza asetyenziselwa ukwenza iziyobisi.


iShedyuli yesiBini yona ijongene neziyobisi ezenza ukuba abasebenzisi bazo bazi-
lahlele kuzo.

Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 21


Amanqaku

22 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo


Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo 23
URhulumente weNtshona Koloni
iSebe loPhuhliso loLuntu

Private Bag X9112


eKapa
8000
kuMzantsi Afrika

Inombolo Engahlalwulelwayo: 0800 220 250

www.westerncape.gov.za

Inguqulelo yeSingesi neyeSibhulu yolu papasho iyafumaneka xa icelwa

EyeDwarha 2017

24 Incwadana engokuSetyenziswa Gwenxa kweZiyobisi ngokuPhangaleleyo

You might also like